Kurhaxwe intwazana yabhubha eMthatha Dam

Yintombazanana eneminyaka esibhozo yaseMthatha ethe yabhubha emva kokurhaxwa ngamanzi ngethuba idada eMthatha Dam, apho uluntu lwalo mmandla luye luzonwabise khona ngexesha leziyunguma.

Ngokwengxelo ephuma kwisithethi samapolisa uKapteni Dineo Koena intombazanana le irhaxwe ngentsimbi yesithathu emini ngoLwesibini umhla wesibini kule veki.

“Uxhaxwe ngethuba ebedada nabazala bakhe alingana nabo ngokweminyaka. Ngethuba elo bebejongwe nguninakazi wabo obebase kweli dama. Kuvakala ukuba uninakazi wexhoba uzamile ukusindisa umtshana wakhe kodwa woyisakala ngenxa yobunzulu bamanzi,” utshilo uKoena.

Igama lexhoba belingekachazwa ngamapolisa ngethuba sibhala eli nqaku. Amapolisa aseMthatha abongoza ekwalumkisa uluntu ukuba xa luye edamini lungangeni ngaphakathi kulo kuba lunzulu kwaye abekho abahlanguli abaqeqeshiweyo nababekiweyo.

Iqwakuqwaku lophando livuliwe kwisikhululo saseMthatha. Uphando luyaqhuba.