Kurhoxiswe imidlalo esibhozo kwi #NAF2017

Isingqi SakwaNtu Cultural Group yaseWSU eMthatha kumyadala wezobugcisa eRhini i-National Arts Festival 2017

Ukunqongophala kwemali sesinye sezizathu sokuba imidlalo yeqonga esibhozo ingakhange ilenze ixesha kumaqonga oMnyhadala wezobuGcisa kaZwelonke [National Arts Festival], eRhini.

Imidlalo yeqonga erhoxisiweyo ngu:

* Trafficked and Opera Found

* It’s Never Too Late to Make a Change

* Pheko Ya Pula

* Where Are We Going?

* Call a Spade a Spade

* Lost

* My Boarding School iKanana

* The Couch

Ukuvala esi sikhewu sishiywe zezi nkqubo, abaququzeleli balo mnyhadala wezobucgisa kaZwelonke bongeze iinkqubo ezintsha ezingu Spiritual Walk kunye noSamaria.

Ingqonyela yalo mnyhadala wezobugcisa, uTony Lankester, uthe yinto engange-5% yemidlalo yeqonga ethe yarhoxiswa kulo nyaka.

“Izizathu ziye zahluke, abadidiyeli beenkqubo baye babone amadlelo aluhlaza kwezinye iindawo okanye khange bakwazi ukuzibethela imali eyaneleyo,” kutsho uLankester, okwaveze ukuba umnyhadala lo ufumene imali engaphaya kwezigidi ezilishumi zeerandi kurhulumente wephondo laseMpuma Koloni. Oku kuza emva kokuba abeNational Lottery betshintshe imiqathango yabo yokunikela ngemali.

Kulo nyaka kulindeleke imidlalo ekuma-2400 kwisithuba seentsuku ezilishumi elinanye. Umculo womngqungqo, umxhentso, amaqhula, imidlalo yeqonga, imiboniso nezinye.