Kusaliwa ngesidumbu sonyaka ophelileyo

Inkundla yamatyala ephakamileyo eMthatha kunyanzeleke iphinde ilimisele umhla ongekaziwa ityala labafazi ababini ababanga umzimba wenkosi yaseMchonkco eNgqeleni, uNkosi Bagcine Mkono owabhubha kweyeNkanga (Novemba) nyakenye.

Le mbambano iphakathi komfazi omncinane uNonzwakazi Mkono kunye nomkhulu uNoncedile Mkono iqale ngoNovemba wonyaka ophelileyo ngethuba kusweleka le nkosi ishiya umyolelo wokuba ingcwatyelwe kwamfazi omncinane.

Usapho lomfazi omdala uNoncedile Mkono lwabhenela enkundleni lunyanzelisa ukumiswa kwalo mngcwabo kusuku phambi kwawo.

Eli tyala sele lichotshelwe amatyeli amane kodwa akukabikho sisombululo. Izizathu zokumiswa kwalo izolo kukuba ummeli womfazi omncinane uAdvocate Bhikitsha urhoxile ngenxa yokungabikho kwemali yokumhlawula.

Unyana womfazi omncinane uSaziso Mkono uxelele inkundla ukuba uNkosi uBagcine ongasekhoyo akanayo nesenti emdaka, akanankomo engenazo nezinto ezingathengiswa kufumaneke imali yokuhlawula igqwetha.

Ucele eli tyala limiswe ukuze bathumele isibheno kwibhodi yamagqwetha karhulumente (Legal Aid Board) esithi akavumanga ukubamela.

Unkosi Mwelo Nonkonyane uxelele inkundla ukuba xa limiswa eli tyala kuzofuneka umfazi omncinnane ahlawule iindleko zeli tyala.

Ujaji Lusindiso Pakade uthe, eli tyala ulimisela umhla ongekaziwa ukunika ithuba lokufunyanwa kwegqwetha elitsha licala lomfazi omncinane.

Ethetha nephepha ndaba uSaziso Mkono ongunyana womfazi omncinane uthe: “Asizokulinda isibheno kwaLegal Aid Board sinazo ezinye iindlela zokuqokelela imali yokuhlawula igqwetha. Azinabunyani iingxelo zokuphekwa komyolelo kuba lo mhla weshumi elinesibini kuNovemba ekuthethwa ngawo ngumhla esanikwa ngawo umyolelo emveni kokwenza isatifiketi sokubhubha kukatata wethu,.”

“Lo nto ingathi utyikitywe ngalo mhla. Singenise ubungqina ngomba wotyikityo gama (signature). Emagqwetheni sele sichithe imali engaphezu kweR76 000,” kutsho uSaziso.

UNkosi Mwelo Nonkonyane omele ilali nomfazi omdala uthi, okwangoku bacela umngeni intsayino gama nomtshato kaNonzwakazi, ukanti emveni koko bazongena ekubeni ngubani onelungelo lokungcwaba le nkosi.

Kusenjalo bangaphezulu kwewaka abantu bale lali abebezalise le nkundla ukuzophula phula eli tyala.

isibhalo@inl.co.za