Kusezigebengeni Emapoliseni

Emapoliseni
kusezigebengeni ezenza ubomi babantu bakwa wadi 42 eMdantsane bubekrakra ngenxa
yokubulawa kwabantu, umculo ongxolayo nokuchamela iminyango yabahlali. Eli gama
lithi Emapoliseni ligama lendawo ethengisa utywala ekutyholwa ukuba umnikazi
wayo ulipolisa kwisikhululo samapolisa akwaNU 1 eMdantsane. Elinye lamaxhoba
alendawo uPhumzile Mlotha uthi unyana wakhe wabhubhela kulendawo, akuzange
kubekho mkhondo ngokubhubha kwakhe. ”Ndafika igazi lomntwana wam ligcwele phezu
kwePool Table yaphaya kodwa ndaxelela ukuba akukho mntu ubonileyo ukuba
kwenzeka ntoni, akukho mntu wafunayo ukuchaza kuba koyikwa umnikazi wendawo
nababulali bomntwana,”uthethe watsho uMlotha. Abahlali balendawo bakholelwa
ukuba amatyala abawafaka emapoliseni ngalendawo awahambeli ndawo kuba umnikazi
wayo ulipolisa. Le ndawo yotywala yaqala ukuthengisa ngonyaka ka1997 kwaye sele
bebaninzi abantwana babantu abangamaxhoba alendawo.

 Elinye
ixhoba laseMapoliseni elingavumanga negama lalo kuba lisoyika ukuhlaselwa
ngamahlakani womnikazi walendawo (Emapoliseni) uthi ngenene baphila ubomi
bentshontsho. ”Umculo walomzi ungxola nide ningavani apha endlini xa nithethayo,abantu
abahamba apha benza zonke izinto ezimdaka phambi kwabantwana, bachopha apha
phambi kwezindlu zethu bakhulule ibhlukhwe bazincede,siphila kabuhlungu
yilendawo,”utshilo umhlali. Uthi kudala bekhala kwibhodi enikisa iziqinisekiso
zokuthengisa utywala Eastern Cape Liquor Board. ”Abantu bakwa Liquor Board
basuka beze apha bavuselele incwadi zokusebenza zaba bantu kuba basela phaya,
sihlekwe kuthwa sizizibhanxa,”utshilo umhlali. Le ngxelo ithi omnye umhlali
waziyela emapoliseni akwaNU1 esiya kumangalela esisimokolo, wanikelwa kumnikazi
waseMapoliseni ukuba amhoye waza wahlekwa ngamanye amapolisa.Uceba walandawo
uSenduka Maphuka akafumanekanga ukuziphendulela kuba naye utyholwa ukuba
uyazana nengxaki zalendawo.

 Othethe
egameni leEastern Cape Liquor Board uMgwebi Msiya uthi banamagosa ahlala ehlola
ukuthotyelwa kwemiqathango yemvume yokusebenza kwezindawo zotywala. ”Xa
abahlali befake isikhalazo siye siqhube uphando, simcele umnikazi wendawo ukuba
athobele imiqathango yemvume yakhe yokusebenza, ukuvalwa kwendawo iba linqaba
lokugqibela,”uthethe watsho uMsiya. Impepha zokuthengisa utywala zivuselelwa
rhoqo ngonyaka ngenyanga yeDwarha,itsho ingxelo.