Kusungulwe iphulo lokuphuhlisa ulimo

Ngosuku obe lugqatse ubhobhoyi kwiMpuma Koloni iphela kuvakale intsholo emyoli kumathafa ebala laseMfundisweni Mission ngethuba amafama ahlala kufutshane aye achongelwa inkqubo yophuhliso lwezolimo ngabakwaBoxer beqhogene neW&R Seta Agri-Project.

Le projekti ithembisa ngokuguqula ubomi bamafama angaphaya kwamakhulu amathathu aseMpuma Koloni kwaye iphehlelelwe embindini wenyanga yoMdumba.

Le ngqokelela yamafama iphuma kwiindawo ezikufuphi nakwiidolophana ezithe bhazalala ngokuthi ichongwe kwiphulo lokuphuhlisa izakhono nolwazi lwawo obe lusetyenziswa nguBoxer neW&R Agri-Project. Inxalenye yolu qeqesho ibandakanya ibakala lokuba la mafama aza kuthi avelise iziqhamo nemifuno eza kuthengiswa koobhazabhaza beevenkile zakwaBoxer kuzwelonke.

Kungoku nje la mafama abila ibunzi exhinkxwa ngesilabhasi elungiselelwe wona ukuze akwazi ukusebenzisa imali, ukwandisa amathuba awo wokungenela kwizivumelwano, ingakumbi zorhwebo nonaniselwano nevenkile yakwaBoxer kuphela.

“Kulo nyaka ka2022 ivenkile yakwaBoxer ifinca iminyaka engama45 sinikela inkonzo eluntwini, ngoko ke ukuba yinxalenye yamaphulo afana nala kusivuyisa kakhulu. Sichonge amafama angama300 ukuba abe yinxalenye yolu qeqesho ukuze akwazi ukusithengisela imveliso esemgangathweni. Ininzi indingeko yokuba aqeqeshwe azimiseleyo ukuze akwazi ukusebenza ngempumelelo. UBoxer ukholelwa kwelokwenza umahluko eluntwini,” utshilo oyinqokonqoko kwaBoxer uNtombi Dludla.

AbakwaW&R Seta baqalise uqeqesho kule mishini yodumo kwaye baza kutyelela iidolophu ezifana neFlagstaff, Bizana, Lusikisiki, Port St Johns neNtabankulu bekwaqhuba olu qeqesho, beqinisekisa ukuba bashiya umgangatho ophezulu wolwazi apho. Ukanti uqhubeka enika la mafama umrholo wethutyana logama esamfimfitha ulwazi kwiingcali zolimo.

“UBoxer uneqela eliphaphe kakhulu kwezolimo neliza kunika iingcebiso kula mafama malunga nendlela yokubiza amaxabiso nokuvelisa ngokomgangatho ofunwa zivenkile zethu. Baza kuncedwa yimanajela yakwaW&R Seta uDeclan Lawson oyingcali,” uqukumbela atsho uDludla.

Ukanti le nkqubo itsale ingqwalasela yoMasipala iAlfred Nzo District Municipality nethe yavakalisa inkxaso kwisikhokelo saseMfundisweni Mission namafama alapho.

Le projekti iya kuqukunjelwa ngomsitho wokunikezelwa kwezatifiketi phakathi enyakeni ku2022, ngethemba lokuba phambi koko isivuno sokuqala somhlaba otyebileyo waseMpuma Kapa sakube kukudala sachongwayo sanambithwa kumakhaya ngamakhaya angabaxhasi bakwaBoxer.