Kutshabe abantwana abathathu emva kokutya iiNoodles

AMAPOLISA aseMotherwell eGqeberha aphanda ukubhubha kwabantwana abathathu ekurhaneleka ukuba babhubhe emva kokutya iiNoodles.

Isithethi samapolisa uColonel Priscilla Naidu uthi aba bantwana bathathu bebekhaphe oomakhulu babo abebetyelele izihlobo zabo eNew Brighton ngoMgqibelo.

“Baye balala, ze ngeCawe intombazana eneminyaka elishumi elinanye (11) yaya evenkileni yathenga ipakethi yeeNoodles (2 Minutes). Uye wazipheka ze aba bantwana bazitya phambi kokuba babuyele eMotherwell,” kutsho uNaidu.

Emva kokuba bebuyele eMotherwell, kutsho uNaidu, uSinothando Ngwendu (11) uye wakhala ngesizabhuzabhu. “Umakhulu wakhe uye wampha amanzi ukuze asele,” kutsho uNaidu.

Omnye umntwana, uOlwam Ngwendu (7) ukwakhalaze ngokulunywa sisisu kwanesizabhuzabhu.

Noodles

“Ngethuba bekhweliswe kwimoto yabucala besisizwa kwiklinikhi yaseMotherwell, aba bantwana baye babhubha. Kwisithuba esincinane nje emva kokuba ababini (Olwam noSinothando) bebekwindlela eya kwiziko lezempilo, uAthenkosi Ngwendu (4 months) ukwabhubhile naye ekwindlela eya esibhedlele ngenye imoto,” utshilo uNaidu.

USinothando ngumzala kaOlwam noAthenkosi, utshilo uNaidu.

UNaidu uthi kuza kwenziwa uqhaqho lwemizimba ukuze kuhlolwe unobangela wokubhubha kwabo.