Kutshiswe i-ofisi kaceba eKhayelitsha

Kapa: Uthi woyikisela impilo yakhe uceba wakwaWard 98, eHarare, kulandela ukutshiswa kwe-ofisi yakhe, ngabahlali abebenomsindo.

UAnele Gabhuza uthi “abahlali baseMonwabisi Park bafuna ukubeka amatyotyombe ngenkani kumhlaba osele ulungiselelwe ukwakhiwa kwezindlu. Sele likhona uluhlu lwamagama abantu abazakuxhamlwa kwizindlu ezizakwakhiwa kwaye sele inqanaba lokuqala lolu phuliso luyaqhuba kufutshane neziko lemfundo ephakamileyo iFalsebay, bona ababantu babona uphihliso ngokubafuna ukugxobhagxobha”.

Oku kulandela ukuba abahlali bengingqi yamatyotyombe eNdlovini begunyazisa ukubeka amatyotyombe abo nalapho kuyekwafika amagosa onyanzeliso mthetho awachitha.

Umsindo wabo abahlali bawukhuphele kuduladula wakwaGolden Arrow, phambi kokuya kutshisa i-ofisi kaceba neziko labantu abatsha baphuma aphobaya kugibisela ngamatye umzi kaceba.

UGabhuza uthi “ndiyoyika ngoku ukuya endlini yam, ubomi bam busesichengeni kodwa keasinakuvumela abantu bahlale kumhlaba olungiselelwe uphuhliso”.

Nangona kunjalo abahlali bathi abazokubuya ngamva kuba nabo bafuna ukuxhamla kolwaphuhliso nanjengabahlali balangigqi.