Kutshiswe iposi yaseGugulethu

Iposi etshileyo yaseGugulethu, eKapa Umfanekiso: Uthunyelwe

Kapa: Kusanuka itayala elivuthayo kwizitalato
zaseGugulethu kwaye ezinye zazo zisavalwe ngamatye nenkukuma. Abanxusi
bala bakhalela umhlaba wokubeka amatyotyombe abo. 

Kubusuku bayizolo aba banxusi bantumeke ngomlilo
iposi nesithuthi seziko lerhafu, logama konakaliswe izithuthi ezine
zabasebenzi besebe loPhuhliso lweNtlalontle kwanezimbini zesebe. Abasebenzi
baseposini bavukele emsebenzini njengesiqhelo ngentsasa yanamhlanje nalapho
bafike bagagana nebhodlo le-ofisi etshileyo. Omnye kubasebenzi ongafunanga
kubizwa ngagama uthi “ingathi lukhona ungenelelo lolwaphulo mthetho kule nto,
kaloku iposi ayangeni ndawo ekwakhiweni kwezindlu. Ayisalunganga ngoku le nto
bayenzayo kuba ibeka esichengeni imisebenzi yethu!”

Ukanti othethela umphathiswa woPhuhliso
lweNtlalontle ephondweni, uSihle Ngobese, uthi “silisebe siyasigxeka kabukhali
esi siganeko solwaphulo mthetho sokuphazanyiswa komsebenzi wokuhambisa iinkonzo
eluntwini. Ngethuba befika abaqhankqalazi beyokuphazamisa kweza ofisi bekukho
oonontlalontle ababini kunye nomntwana ebebemnceda, kuye kwanyanzeleka ukuba
baphume ngokubaleka bezisindisa. Siyabulela emapoliseni ukuba efike
ngokukhawuleza kungakhange kubekho mntu wonzakeleyo.” UNgobese uthi
aba nontlalontle kuquka nomntwana bazakufumana uthuthuzelo lomphefumlo.

Xeshikweni isitsha iposi yaseGugulethu, eKapa Umfanekiso: Uthunyelwe

Abanxusi bathi abazokubuya mva de bavunyelwe
ukuba babeke amatyotyombe abo kula mihlaba. Omnye wale mihlaba kuvakala ukuba
uthengwe ngoosomashishini ekuquka kubo owaziwayo eGugulethu, uMzoli Ngcawuzele, kwaye bazimisele
ukuba kwakhiwe udederhu lweevenkile. Ukanti namhlanje kuvakele ingxelo zokuba
abanxusi batshisa udederhu lweevenkile olukula lokishi, nalapho oonogada
bakhawuleze bayalela abathengi ukuba baphume ngokukhawuleza, ngethamsanqa akukabikho mlilo eGugulethu Square kwaye amapolisa abeke iliso elibukhala.