KuTsolo kuveliswa iingcaphephe zezolimo

UMphathiswa Mlibo Qoboshiyane (ekhohlo) kuthweso zidanga eTsolo Agricultural and Rural Development Institute

ISebe loPhuhliso lwamaPhandle nezoLimo beliphume ngendlu liyoxhasa amashumi amathathu anesixhenxe abafundi bezifundo zokukhathalela izilwanyana, ukusuka kwezifuywayo ukuya kwezasendle.

Eli qela labafundi langena ngonyaka ka2015 nje ngabafundi bokuqala kwezi zifundo.

Phantsi kolawulo lwenqununu yeli ziko uGqirha Nandie Ndudane bathe bakwazi ukufumana inkxaso engagungqiyo kumaziko afana neHealth and Welfare SETA (HWSETA) kunye noMasipala oMbaxa we-OR Tambo ukusuka ekuqaleni kwezifundo zabo ukuza kuthi ga ngoku.

OkaNdudane udize ukuba umfundi ngamnye ebefumana imali yesephu (stipend) engamawaka amabini eerandi (R2 000) ngenyanga ngethuba befunda.

UMphathiswa uMlibo Qoboshiyane ebephakanyiselwe phezulu esesona sitatanyisa sosuku, ekwagaxele isinxibo esigaxelwa ngoogqirha, waze wanikwa negunya lokuba adlale indima yokuba yingqonyela yeli ziko aze avule aphinde avale ngokusesikweni lo myhadala.

Kumazwi okuvala ukhuthaze ngelithi, “Hambani ngentobeko kodwa nizithembe kuyo yonke indawo enifika kuyo”.

“Thina bantu siphambi kwenu sokwenza konke okusemandleni ethu ukuze nifumane amathuba okuziphuhlisa ngakumbi ngemisebenzi,” utshilo okaQoboshiyane.

Wongeze ngelithi uthethile neenkokeli kumaziko ahlukeneyo esithi makuvulelwe eli qela amathuba emisebenzi nophuhliso, kwaze kwabuya iimbalelwano ezithi urhulumente noHWSETA bakulungele ukunika inkxaso.

OkaNdudane ubulele urhulumente ngokugqiba ekuvuleni ngokutsha eli ziko, ela ziko.

Uthe eli ziko lithwala abantwana abasondeleleyo kumakhulu amabini ngenxa yokuba besenale yezilwanyana inkqubo.

Enye yeengqonyela esezinamava uGqirha Sunshine Blouw uyale ngelithi, maliphele ixesha lokuba umntu ontsundu ame emgceni kumdlalo afanele ukuwudlala, kodwa makadophole imikhono asebenze ukuze abenako ukuzimela.

Uthe eli phondo leMpuma Koloni lineenkomo ezingaphaya kwezigidi ezisixhenxe kwaye uninzi lwazo zezabantu abantsundu, watsho ekhalimela iintetho ezithi lihlwempuzekile eli phondo.

“Boonyana neentombi zikaPhalo masingazidli ngokusikhupha ngeempumlo isiNgesi kodwa masigqwese ngeziqhamo, ngentsebenzo nangezenzo.

“Xa iSahluko sama-25 sokubuyiswa komhlaba silungiswa yipalamente, kufuneka kuthathwe kanye ezi zifundiswa ziyofakwa kwimihlaba edinga ukusetyenzwa ukuze kuveliswe ukutya okuzakuthunyelwa kumazantsi eAfrika ngokubanzi,” kutsho okaBlouw.

UPhilasande Dambuza oye wangoyena mfundi uphume emagqabini kuyo yomithathu iminyaka ubulele inkxaso yabazali noogxa bakhe watsho esithi abantu abatsha mabafunde ukuhlenga-hlengisa izinto ukuze nezifundo zibenexesha lazo elikhethekileyo.

UQoboshiyane uthembise ngokuba bazokwenza konke okusemandleni ukuze esi sakhono banaso sibanike ikamva eliqaqambileyo.