Kuvalwa imingxuma yeendlela zaseMthatha

Iphehlelewe ngokusesikweni inkqubo entsha yokulwa nemingxuma ezindleleni kwidolophu yaseMthatha neendawo eziyingqongileyo ezifana neNorwood, Sidwadwa, South Ridge Park, Southernwood nezinye. Ezona ndawo zizakulungiswa kule nkqubo intsha zezihlawula iinkonzo zikamasipala kuphela.

Lo msebenzi oxhamlise amanina aliqela uphehlelelwe ngusodolophu womasipala weKing Sabatha Dalindyebo uNonkoliso Ngqongwa eNorwood.

Bebonke abantu abaqeshiweyo kule nkqubo likhulu, kwaye bafumene uqeqesho olukhethekileyo ekulungisweni kwemingxuma ezindleleni. Ngonyaka ka2014, umasipala weKSD wathenga izithuthi ezilinganiselwa kwishumi eziquka izigadla nezinye iimoto ngenjongo zokuphelisa ukuxhomekeka kwinkampani zabucala ekuhlaziyweni kwendlela.

Iingxelo zidiza ukuba ukuvala imingxuma endleleni bekutyabula umasipala izigidi zeerandi ngokwengqesho yezi nkampani zabucala.

Idolophu yaseMthatha isoloko iphantsi kohlaselo ngenxa yendlela eyiyo, ukanti abahlawuli benkonzo iMthatha Ratepayers Association, nemibutho yopolitiko equka iUDM ibisoloko inesimbonono ngale meko yokuguga kwendlela zale ngingqi.

Ethetha noonondaba eNorwood eMthatha, uSodolophu walo masipala uNonkoliso Ngqongwa uthe baphume ingqina besilwa nemingxuma kwindlela zalo masipala.

“Le mpi yokulwa nemingxuma ezindleleni inyukela kwelinye izinga ukususela namhlanje, songeze abantu abalikhulu abaqeqeshiweyo okokuqala ezimbalini kulo masipala. Siyazibophelela ekubeni la maqela mahlanu akazudinga zinto zakusebenza, sizothenga imitshini emihlanu encedisa ukuvala imingxuma ezindleleni.

“Ukususela ngo2014 sazixelela masohlukane nokusebenzisa iinkampani zangaphandle esichitha kuzo imali eninzi, kwaye indlela ezininzi zalo mmandla sele zidlule kwimeko yokuvala imingxuma nje, kumele kusetyenzwe indawo enkulu,” kutsho uNgqongwa.

UNgqongwa ukwathi banqwenela aba basebenzi abafumene uqeqesho bakhule bazivulele ezabo iinkampani ukuze kunyuke uqoqosho. Okwangoku ibingekachazwa imali ebekelwe lo msebenzi, kulindeleke ibhengezwe kungekudala. Akukho xesha libekiweyo lakugqiba.

UNoxolo Phohlwana weMthatha Ratepayers Association uthi abanathemba kule nkqubo. “Thina singulo mbutho sakuyibona isakuphumelela kuba kudala sibona ivalwa imingxuma kodwa emveni kwexeshana iphinde ivuleke. Sifuna kuqalelwe indlela kungavalwa imingxuma kwindlela eziphelileyo,” kutsho uPhohlwana.