Kuxhotyiswa abakushishino lokwenza iinwele nakumthungo eAmathole

Umasipala wesithili se-Amathole ububambisene nenkampani iStudio Glem eququzelele amaphulo okuxhobisa amashishini abantu abenza iinwele, (salons) ephondweni apho bekubanjwe isemina yokuxhobisa oosomashishini kunye nabathungi bendawo yaseMnquma, kunye neezinye iindawo eSkill Centre eGcuwa kwiveki ephelileyo.

Le semina ibizinyaswe ngamaqumrhu afana noSEDA (Small Enterprise Development Agency) , ECRDA (Eastern Cape Rural Development Agency), inkampani yakwaDark and Lovely kunye nanguSonwabile Ndamase ongumthungi owaziwayo nanjengoko wayesenza iimpahla ezazinxitywa ngubaw’ uNelson Mandela.

Eyona nto ibiphambili kule semina ibikucetyiswa koosomashishi beendawo ezenza iinwele, ukuba bangenza njani ukuphucula amashishini abo.

Ukucoceka kwamagumbi abasebenzela kuwo, babenempahla yokusebenza xa besenza iinwele, indlela yokubhatala abasebenzi babo, bahloniphe umsebenzi wabo kwaye uncomeke, ngamazwi abawaxelelwe zizithethi ebezilapho.

ULwandy Ngebe osebenzela iStudio Glem, uthi babone kuyimfuneko ukuba bakhuthaze oosomashishini abenza iinwele ukuze baphucule indlela abasebenza ngayo nangakumbi.

Uthi baqaphele into yokuba abantu abenza iinwele bawujongela phantsi umsebenzi wabo ngelo xesha bangakwazi ukuguqula iimpilo zabo zibengcono. “Imali encinane umntu ayifumanayo ngokwenza intloko yomntu angayibeka ukwazi afezekise izicwagciso zakhe,” utshilo.

Uthi ngala maphulo balandela umyalelo womzi wakwaToyota wokuba makubekho indima abayindlalayo ukuphulisa uluntu ekuhlaleni.

Kulapho athi baqonde ukuba mabazame ukuphuhlisa amashishini awenza iinwele ngokuthi bameme abantu abanokuthi bacebise ngeendlela zokukhulisa wona.

UHanson Ndabeni obephuma kwinkampani, iDark and Lovely, uthi unobangela wokuba antshone amashishini eendawo ezenza iinwele, kukuba abantu abanamlinganiselo xa besebenzisa iimveliso zabo, kwaye nokungabinalwazi lweshishini.

“Kwimveliso yethu oyithengayo yazi ukuba uzakwenza iintloko zabantu abangaphi kwaye nexabiso lakho lemali olibizayo malifane nomsebenzi wakho owenzileyo emntwini,” uqhube watsho

UNdamase ozibalule kakhulu ngokuthungela iinkokeli ezifana noCyril Ramaphosa, Gwede Mantashe, kunye nongasekhoyo utata uNelson Mandela, iimpahla, uthi mhle umsebenzi wabathungi base-Amathole, kodwa wagxininisa ngelithi kufuneka umthungo wabo ubekwizinga eliphezulu kwaye umntu ohluke komnye ngendlela athunga ngayo.

Unikezele nangeziqinisekiso zokuthunga (certificates) kwabo bebefundiswa ngesakhono sokuthunga kunyaka ophelileyo phantsi kwenkqubo ye-Amathole.