Kuyimbondandimunye nje!

Qho ngenj`ixukuxa, ndivuka ndihlambe ndiphulaphule uMhlobo Wenene ngecala emva kwentsimbi yesihlanu, ukuze ndingashiyeki kwezo ndaba zezolo nezosuku olutsha kwinkqubo yeendaba enguLaphum`ikhwezi.

Ndihlala ndiphulaphula ngomdla omkhulu ukuze kutyhileke amehlo, kondleke nengqondo, ndize ndazi banzi ngako konke okuqhubekayo kwizwe lookhokho bethu.

Ngaxesha linye, ndithi ndiphulaphule apho kunomathotholo, ndibe ndiqwalasele nakumabonakude ndibukele kwa ezondaba.

Nokuba kwezi ndaba zamajelo osasazo kuthethwa ngezentlalo yabantu; ezoqoqosho; ezopolitiko nezamazwe ngamazwe, lowo umameleyo okanye ubukeleyo uya kuqaphela ukuba ezona ndaba zininzi nezigqamileyo zezo ziveza ukonakala kwelizwe nehlabathi jikelele!

Ndithi sendifika endlwini ukusuka emsebenzini ndingene ndiye ngqo kwimijelo yeendaba kumabonakude, nalapho ndihlangatyezwa ziindaba nemiboniso yobundlobongela; udlwengulo; ubuqhophololo; iimfazwe; ukuhlazana ngentetha phakathi kwabo bazanayo, abatshatileyo, abakwimibutho eminye neyahlukileyo, kwanabo bangoosaziwayo, kuchazwa kuvezwe ngemeko yokubulalana kwabantu nokuphathana gadalala. Ihlabathi lijikile lingumbhodamo wembonda-ndimunye ehlasimlisayo nebambisa amazinyo!

NakwiziBhalo aveziwe amazwe ayembethwe bubumbonde-mbonde, amazwe awayebalasele ngokuphukaneka kwabantu, amazwe ayesaziwa ngokuqhaqheka kwezimilo bange abantu balapho batweze amatakane, lawo ngamazwe ayefana neLodebhare, iGomora neSodom.

Kuloo mazwe naliphi na isikizi elaziwayo neligqithisileyo lalifumaneka. NgokweziBhalo abo baphambukela kuloo mazwe entshabalalo, amazwe embondandimunye yokungendawo, abo bantu babethandazelwa babuyiselwe kumazwe oxolo, amazwe endili, amazwe ethemba afana neKanana.

Ngokobuntu bethu thina maXhosa, xa isizwe siphuma endleleni asivulwa side seyele, koko kuhlaliswa umntu phantsi, kuthethwe naye kuba kakade sikholelwa kwelokuba ilizwi liyaphilisa. Kubuhlungu ukubona iindawo esihlala kuzo zingumdudo woononkala, kungekho unqanda omnye, suka ubone abantu bekhuthazana ekwenzeni okubi kuloo ngxube-vange yamasikizi namanyala aza kusikhokelelela kwantshabalala!

Ukuba uyakwazi eHillbrow, kwaZibonele! Yiya eHillbrow mntakwethu nawe dadethu, kumbindi wesixeko saseRhawutini , ubone indlela umntu nomntwana ontsundu aphila kabuhlungu ngayo.

KukwaSikizi nakwaNontsizi apho! Imibhobho nemijelo yamanzi ngamakhaya kwabanye, ufike ngobusuku beziqothe kuloo mibhobho nasecaleni kwezakhiwo bezigqume ngamakhalibhodi nangamaphephandaba.

Kwizitalato zaseHillbrow eyona nto isetyenziswayo ukulwa indlala nokucima iinzingo zobomi luninzi lwabantu ziziyobisi ezahlukeneyo, ngaphezu kokutya.

EHillbrow njengaseMdantsane, inkawu ityiwa ilila, ize imfene isinde ngokugoloza. EHillbrow uphangwa ilanga lihlabe umhlaba.

Uphangwa lusana, uphangwa ngumfana, uphangwa lixhego, ude uphangwe nangumama oliqina okanye ixhegokazi! Ukuba ufuna ukubona imbondandimunye yokwenyani, yiya eHillbrow!

Iziphatha-mandla, ngokusebenzisana noluntu, kumele ziyilungise imeko yaseHillbrow nazo zonke iindawo esihlala kuzo thina sizwe esintsundu, ukuze umntu akhulelwe bubuntu, kutsho kuvuseleleke isidima nexabiso lomntu!

Makuthiweni ukuze kulunge! Xa sasibekela bucala izifundo ezigxile kwiBhayibhile kwikharityulam yesizwe, zeziphi izifundo zoluleko esazifakayo endaweni yazo?

Kaloku kwizifundo ezingcwele umntwana wayefundiswa ukuba amhloniphe umzali, amazi umntu, athobele umthetho wabazali, anqule ngembeko nangendili kumawabo aphilayo nalele ukuthula, agqibele ngokumoyika uThixo.

Kutheni amagosa aphuma kumasiko ohlukeneyo angandwendweli ezikolweni njengabavangeli nabefundisi beziNgcwele, bathethe nabantwana ngendlela yokuziphatha, indlela yokuba ngcathu kwizinto ezingakhiyo, bamthande bamazi umntu ngokohlobo nabo abanokunqwena kwenziwe ngalo kubo?

Ingaba ngenene ingqeqesho iqala ekhaya? Abazali abasakwazi kululeka, iintsana zabo zenza unothanda kuba endaweni yokululekwa ziyacengwa, ziyafekethiswa ziphululwe zakugqiba zinikezelwe kumabonakude azikhulise ngokuzivezela obo bomi beLodebhare, iGomora neSodom!

Ndingomnye wabo bathamsanqelekayo kuba ndandibethwa, ndohlwaywe ngabazali nangootitshala esikolweni xa ndenze okungamkelekanga, xa ndingaphulaphuli naxa ndingalufezekisi uxanduva olujongene nam.

Abo baphosiweyo okanye baphoswayo yilo ngqeqesho, bakuhlala bentyumpa-ntyumpeka kobu bomi buyimbondandimunye!

Ubomi esibuphilayo neentsana zethu bobentshabalalo, kwaye ukuba asishukumi ngokukhawuleza xa sisonke, sihlahlele abantwana bethu indlela eyiyo, isizwe esintsundu siza kubhanga!

Uthethe wophela unyawontle uJadezweni (Pastor J) kwenye yeemvuselelo zakhe kwiBlakfesi Eyondlayo Ekuseni kuMhlobo Wenene wenjenje: “Mawethu, masiqwalasele xa sisonke ukuba yonakele phi, sakugqiba siyilungise.

Akekho umntu oza kulanda imizi yethu eyonakeleyo, akekho umntu oza kulanda izikolo zethu ezonakeleyo, akekho umntu oza kulanda ilizwe lethu elonakeleyo, sithi kuphela mawethu!”