Kuyothusa ukudlwengulwa kwamanina eMpuma Koloni!

UMkomishinala wamaPolisa kwiphondo leMpuma Koloni uLt Liziwe Ntshinga uthi makubekho ungenelelo olukhawulezileyo kwiziganeko ezonyukayo zodlwengulo. Umfanekiso: SAPS

Ulawulo lwesiPolisa kweli phondo lusothukile kwaye luxhalabile ngezinga elonyuka imihla ngemihla lweziganeko zokudlwengulwa kwamakhosikazi eli phondo.

UMkomishinala wamaPolisa ePhondweni uNjengele Lt Liziwe Ntshinga ukuchaze oku njengemeko ekufuneka ikhawulezisiwe ngokuthi kungenelelwe.

Oku kuvele ngethuba abakulawulo kundlunkulu bebambe indibano etshisa ibunzi ngempelaveki.

Ngokwengxelo ephuma kuBrigadier Thembinkosi Kinana, ezona ndawo ziqatsele ngakumbi kwezi zehlo ziilali ingakumbi kodwa iidolophu.

Ezona zihambe phambili yiLusikisiki, uMthatha, iNgqeleni, iMonti kwakunye neMbizana.

Uthi nezinye iindawo ezingabalwanga azikho ngcwele kuba nazo ziyachaphazeleka. UKinana uthi uhlalutyo lolwaphulomthetho ludiza ukuba abantwana ukuya kwishumi elinesibhozo ngamaxhoba okudlwengulelwa kumakhaya abo okanye kwiindawo zentselo.

Ukanti namaxhegwazana aphakathi kwamashumi asixhenxe ukuya kumashumi asithoba anesihlanu ubudala (70-95) ngamanye amaxhoba ajongiweyo zezi zidlwengu.

“Enye yezinto eshiya amaxhoba exinizelelekile kukuba amanye amatyala aye aphelele esithubeni angakwazi ukuba aphandwe ngenxa yabarhanelwa abaye babaleke okanye bazifihle ubuso babo njengoko zisenzeka ebusuku kumnyama.”

Isithembiso esenziweyo ngabaphathi bakwaSAPS, kukuba badibane namanye amasebe ngokukhawuleza abandakanyekayo koku ekubeni kuziwe necebo lokukhawulelana nezi ngxaki.

Ingxelo ithi, uNtshinga uncome abecuphi kunjalo esithi bayawenza umsebenzi omhle kuba bakwazile ukuzisa amatyala amakhulu ezinkundleni.

“Ndihlaba ikhwelo kubazali ekubeni ibe luxanduva lwabo ukuqinisekisa ukuba abantwana abashiywa bodwa kwaye abahanjiswa migama ukuya ezikolweni ngaphandle kokukhathalelwa. Nabantu abadala mabangashiywa bodwa emakhaya,” uvale ngelo uLt Ntshinga.

Kubongozwa uluntu luzichaze iimeko ezinje emapoliseni. Okanye bangatsalela nakule inombolo 086 0010 111.