Kuza iphepha elitsha

Emva konyaka neenyanga ezine sipapasha iphephandaba lemihla ngemihla, sifikelele kwisigqibo sokuba silitshintshe iphepha lethu. Iindleko zokupapasha iphepha yonke imihla zide zasongamela, kudala sinyamezele. Eyona nto ibuhlungu ngomsebenzi wamaphepha yeyokuba imali ayingeni ngemali elithengwe ngayo ngumthengi, ingeniswa ziinkampani ezifaka iintengiso.

Zininzi izinto esizifundileyo kulo nyaka siphuma kuwo; ukusukela kwiindlela ezifanelekileyo zokubhala isiXhosa nokuntathela ngesiXhosa, iindlela zokusebenzisana namajelo osasazo aseMpuma Koloni, neendlela zokulondoloza amasiko nezithethe zethu ngokuzigcina kwiphepha lethu.

Uyakuqaphela ukuba amaqweqwe ethu ezitalatweni siwothule, azakubuya kule veki izayo ekwaphaka la mathole eendaba nithanda mpela ukuncokola ngawo.

Lona iphepha elitsha lizakuphuma ngomhla wesine kule yeThupha 2016. Kwabo basalikhumbulayo iphephandaba lethu lokuqala – Isigidimi – nakukhumbula ukuba eyeThupha yayiyinyanga yalo yokuqala pha koka-2012. Lona laliphuma kanye ngenyanga kwaye lalithengwa liphele tu.

Sinethemba lokuba xa silikhupha kanye ngeveki eli iphepha elitsha, nakutsho nifumane ithuba lokukwazi ukulilandela rhoqo. Saqala ngesantya esiphezulu, ngenani elikhulu, ngephepha elaliphuma yonke imihla, sabona ukuba nangona nilithanda, yayininzi le nto sasilindele ukuba niyithenge yonke imihla. Maxa wambi kufuneka sicingele nomthengi, mhlawumbi masithi umthengi osesesikolweni, ekufuneka ekhethe phakathi kwe-airtime/data yeponti okanye yeponti ezimbini ezineshumi.

Ngaloo-airtime umntu uye akwazi ukuyuruza kumnatha wonxibelelwano asenge konke akuthandayo kooFacebook nakumakhasi eendaba omnatha. Yiyo ke lo nto nekhasi lethu lomnatha lizakunikwa isihoyo esikhulu. Kroba ngoku pha ku www.iol.co.za/ilisolezwe – uzakubona ukuba sesiqalile ukupapasha nakwelacala. Iinkcukacha ngephepha lethu elitsha sizakuzipapasha ngokubanzi ngoLwesihlanu wale veki.