Kuza kumiswa imicimbi ngenxa yeKhorona eBhayi

Ayifunwa ezinkonzweni ayifunwa nasetywaleni inyambalala yabantu abangaphezu kwekhulu kumasipala wase Nelson Mandela Bay.

Oko kuvakele ngethuba usodolophu obambeleyo walo masipala uThsonono Buyeye ebebhengeza imiqathango ezakulandelwa ukhusela abahlali balendawo kwisihelegu sesifo esigqugqisa ihlabathi esaziwa ngokuba yi Corona Virus okanye iCOVID 19.

Esi sibhengezo salo masipala silandela emva kweso ebesenziwe ngu mongameli welizwe uCyril Ramaphosa ngecawa. Lo ka Buyeye uxelela iintatheli ebezimenyelwe kwiholo yesixeko saseBhayi esithi zonke iindawo nemisitho ehlanganisa abantu abaninzi ayizi kuvumeleka de kube kusemva kwe mpelaveki yepasika. Usodolophu ubale iithaveni neenkonzo njengezinye iindawo ezizakuchaphazeleka.

“Siyazi kweli xesha ukuba amabandla ayadibana kwiinkomfa neesinodi ezinye, zizakudibana ngakumbi ngoku Kuba lixesha lelente, yonke loo misitho kuyacelwa emabandleni ukuba ayirhoxise, sizakubabiza oomongameli neenkokeli zecawe sibonisane nabo ngalo mbandela.

Uhambise wathi akukho ndlela mbini inokwenziwa ngumasipala ngaphandle kokukhusela impilo yabantu. Phakathi kweminye imisitho evaliweyo uBuyeye ubhengeze ukurhoxiswa komsitho wokukhumbula inkulubaphathiswa yokuqala yephondo uRaymond Mhlaba ebiza kubanjelwa eBhayi ngolwesihlanu nesikhumbuzo sokubulawa kwabantu baseTinarha ngomhla we 21 ku Matshi ngowe 1985 esaziwa kwisehlo esibizwa ngokuba yi Uitenhage Massacre. Ubale iindibano zemidlalo ebeziza kubanjwa kulenyanga nezibanjwa rhoqo ngonyaka ezifana ne Ironman, Spar Women’s Challenge, Doek on Fleak, Young People’s Gathering, Correctional Services 5Km &10km njengezinye ezingazi kuqhuba ngenxa yalecorona.

Umanyano lwamanina aseWisile obe luza kubanjelwa eWalmer nalo lurhoxisiwe.Ukanti unjingalwazi wedyunivesithi yase Nelson Mandela uSibongile Muthwa ubhengeze ukurhoxiswa kwazo zonke iindibano zabafundi kuquka izifundo emagumbini okufundela.