Kuza kuqhutywa uphando ngolawulo lukaMotsoeneng

Umbutho olawulayo iANC umemelele umphathiswa wesebe lonxibelelwano kuzwelonke uFaith Muthambi ukuba amisele uphando olungxamisekileyo ngakwigosa eliphezulu kwiSABC uHlaudi Motsoeneng ngezityholo zokusebenzisa gwenxa isikhudla sakhe.

I SABC ibesezindabeni ukusukela kwiveki ephelileyo emva kokuba ongumlawuli wela qumrhu uJimi Mathews ethe washiya esikhundleni sakhe.

Ukusebenza ngokuzimeleyo kweSABC kubesematheni emva kokubonakala kweenguqu ezininzi kwindlela elisebenza ngayo eli ziko losasazo.

Isigqibo sokungasasazwa kwemifanekiso ebonakalisa ukutshatyalaliswa kwamaziko karhulumente sesinye kwizigqibo ezithe zabeka eli ziko emehlweni oluntu.

Othethe egameni leANC uZizi Kodwa uthi uMotsoeneng makangayekwa athathe izigqibo ezicekethekileyo eyedwa ngela ziko. “Abasebenzi kunye nabo babesakuba ngabasebenzi beSABC bathetha into enye malunga nendlela athatha ngayo izigqibo uMotsoeneng ngokukodwa indlela atshintsha ngayo umongo weendaba ezisasazwa yiSABC,” uthethe watsho uKodwa.

Umbutho weANC kwangomlomo kaZizi Kodwa kwiveki ephelileyo uthe, bubugwala bukaMathews obubangele ukushiya kwakhe kwesi sikhundla.

“Kolu phando sinqwenela ukuba kukhangelwe ukuba lo mhlekazi ulusebenzisa ngendlela eyiyona igunya lakhe lokuphatha ela jelo losasazo,” utshilo uKodwa.