Kuzakwakhiwa umfanekiso kaNkosi Tyali kwaNokheleji

Abahlali baseGxwederha, isithethi sekomkhulu lamaRharhabe uNkosana Burns Ncamashe, usekela mphathiswa wezogutyulo lwelindle namanzi kuzwelonke uPam Tshwete kunye nosekela mphathiswa wesebe lezobugcisa nenkcubeko jikelele uMaggie Sotyu, ngethuba betyelele isizwe seMingcangathelo eDikeniIMIFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

Kuzakwakhiwa ilitye lesikhumbuzo esingumfanekiso kaNkosi Tyali kwiyunivesithi yakwaNokholeji ungaphelanga lo nyaka.

Oku kuqinisekiswe ngusekela mphathiswa wesebe lobugcisa nenkcubeko kweli uMaggie Sotyu ngethuba ethetha nesizwe seMingcangathelo eGxwederha, eDikeni. UNkosi Tyali nguye owanikisa ngomhlaba ekwathi kamva kwakhiwa kuwo iyunivesithi yakwaNokholeji kamva. Ezibophelela, uSotyu uthi ngumcimbi ekukudala kuvunyelwene ngawo lo.

“Umphathiswa uNathi Mthethwa wazibophelela kwelokuba kwezinye zezinto ezizakwenziwa ukubhiyozela iminyaka elikhulu yasekwayo la yunivesithi kukwakhiwa komfanekiso kaNkosi Tyali, ngoko kumele iqhubeke,” utsho uSotyu. UNkosi uTyali nguye owakhulisa, ekhusela uKumkani uSandile emva kokushiywa kwabo nguyise uNgqika.

“Zonke izinto ebezithenjiswe eli komkhulu kumele ukuba ziqalise ukwenziwa kuba asiwuthandabuzi umzila wesikhokelo sikaNkosi Tyali, sifuna nokuba abantwana bazi ngembali yakhe,” uthethe watsho uSotyu.

Othethe egameni leli komkhulu uNkosana uBanzi Tyali, uthi kuyabavuyisa ukubona amanyathelo acacileyo ngesi sithembiso senziwa kubo ngurhulumente weli.

“Sinethemba lokuba lo nyaka awusokuze uphele lingakhiwa ilitye lesikhumbuzo sikaNkosi Tyali phaya kwaNokholeji, sikwajonge ukuba kula ndawo inengcwaba lakhe kwakhiwe iziko lembali ecacisa banzi ngaye nomzila wakhe,” ucacise watsho uTyali.

Uhambisa athi kukho isifundo-mbali esiza kwenziwa egameni likaTyali yila yunivesithi yakwaNokholeji. “Ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga izayo sizakwenza isifundo sokukhumbula uNkosi Tyali, kuze ngomhla weshumi elinesithandathu senze umdyarho weembaleki egameni lakhe,” uthethe watsho uTyali.

Ukanti umcimbi wokwakhiwa kwelitye lesikhumbuzo kwaNokholeji uxhomekeke kwisebe lobugcisa nenkcubeko kweli.

“Ndizakubamba indibano nomphathiswa uNathi Mthethwa sithethe ngokungxamisekileyo malunga nokwakhiwa kweli litye likaNkosi uTyali, wasishiya nelifa lo tata kuba uNokholeji lo uvelise iinkokheli eziphezulu kwiAfrika,” ucacise ngelitshoyo uSotyu.

Usekela-mphathiswa uMaggie Sotyu ubephelekwa ngusekela mphathiswa uPam Tshwete wesebe lamanzi nogutyulo lwelindle kwanelungu lepalamente yeMpuma Koloni uNonkosi Mvana.

Ukanti eli komkhulu leMingcangathelo kulindeleke ukuba libeke ngokusesikweni iNkosi yesi sizwe uNkosi Dibanis’uhlanga Tyali ngomhla wamashumi amabini ananye kwinyanga ezayo.

“Umkhuluwa uzakuba engena endaweni katata uNkosi uMkrazuli Tyali ngokusesikweni lesizwe samaTshawe,” uthethe watsho uTyali.

UNkosi Tyali ubhubhe ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka1842 emva kokujijisana nemikhosi yamaKoloniyali ayezama ukuthathela kuwo umhlaba wamaXhosa.