
Ikomkhulu
leMingcangathelo kwaTyali eDikeni likwiphulo lokuba kwakhiwe umfanekiso
oqingqiweyo kaNkosi uTyali kwiYunivesithi yaseFort Hare. Othethe egameni
lela komkhulu uNkosana Banzi Tyali uthi bayathethana nesebe lobugcisa nenkcubeko kuzwelonke kwakunye nelephondo leMpuma Koloni ngenjongo zokuba kwakhiwe lo mfanekiso.
“Lo
mfanekiso sinqwenela ukuba wakhiwe phaya eFort Hare nanjengoko inguye uNkosi
Tyali owathi wanikisa ngalamhlaba ukuze kwakhiwe
uTyali.
Ethetha kumsitho wokutyhilwa kwelitye likaNkosi Tyali, usihlalo wendlu
yeenkosi eMpuma Koloni uNkosi Ngangomhlaba Matanzima uthe. ”Kuyasivuyisa ukubona
iinkosi ezinje ngoNkosi Tyali zikhunjulwa kumsebenzi wazo eziwenze ngexesha
beziphila, kusivuyisa oku kuba apha kubhalwa incwadi entsha ngembali yeenkosi
zethu,” utshilo uMatanzima.
UNkosi Tyali ubhubhe ngenyanga kaCanzibe ngonyaka ka-1942 ekhuphe umyalelo wokuba
kunikwe elaziko lase
linabise izakhiwo zalo. ”Konke oku kubonisa ukuba uTyali ubeyinkosi enomdla
neyixhasayo inkqubo yemfundo ephakamileyo, oko kuthetha ukuba ebengumzekelo
omhle kwintlalo ngexesha lakhe,”utshilo uTyali.
UEl Nino uhlasela amafama weswekile