Kwanele ngokubulawa kwabasetyhini!

UThandi Mahambehlala noomama beANC

Kapa: Intlungu yokubulawa, kudlwengulwa kwanempatho-gadalala
ngakumanina ibibhalwe ebusweni kuninzi lwabasetyhini abathathe inxaxheba
kumngcelele ububanjwe kweli leKapa izolo. 

Le mingcelele, nebibanjwe kwiidolophu ezinkulu kweli loMzantsi Afrika ibikhalima impathombi nokubulawa kwabantu basetyhini kuquka nabantwana abaselula
ngokweminyaka. 

Kweli leKapa lo mngcelele ubusingise kwiPalamente kazwelonke
nalapho amakhulukhulu wamanina anikele ngoxwebhu lwezikhalazo.   La
ngamanina ancame ukwenza iingxaki zawo ngolu suku abhenela ezitalatweni ekhanda
ngenqindi phantsi, ngelithi kwanele ngokubulawa kwamanina nentsana zabo.

Ezinye zezi khalazo
zamanina kwezo zithiwe thaca, amanina athi awasayi kuyinyamezela impathogadalala ejoliswe kumanina yaye befuna ukuba urhulumente ukuba azame ukwehlisa
ezi ziganeko ngakumanina, nalapho badize ukuba bafuna urhulumente azibophelele
anike impendulo ngomhla wethoba kule iphezulu.

Lo mngcelele ubuvalele
ngaphandle amadoda nanjengoko ubukhokelwa ngabasetyhini kuphela ubuhamba
phantsi kwesihloko esithi  Total Shutdown.

“Awona maxhoba kudlwengulo nempathogadalala
ngabantu abaphila nokukhubazeka kuba abanawo amandla okuzikhusela” utshilo
uMary-Anne Jacobs nonguMququzeleli kulo mngcelele. 

Lo mngcelele ubanjwa ngale nyanga ibekelwe bucala ukuqaphela amalungelo wabantu basetyhini kweli
loMzantsi Afrika. Kanjalo, lo mngcelele ngoweqela lamanina nabone ukuba zininzi
iingxelo zokulahleka kwamanina besazi ngokucacileyo ukuba abasayi kuphinda
bahambe ngeenyawo zombini nanjengoko baba ngamaxhoba okudlwengulwa ze babulawe
ngokumanyukunyezi nanjengoko bambi kubo baye bantunyekwe ngomlilo. 

Ngethuba
la manina ebambe umngcelele, akhankanye amagama amanina nathi abulawa kabuhlungu aquka uAviwe Jamjam, uKarabo Mokoena kwanamanye amaxhoba abulawa kabuhlungu.

Kusenjalo, amanina asaze ngobuso elizweni kumbutho weANC eKapa, nawo
ebebambe umngcelele okumila kunje, nalapho ebevakalisa ukucinezelwa kwamanina
ngobuhlanga, umgangatho wawo kwanobume besini. Lo mngcelele nawo ubusingise
kwiPalamente kazwelonke, nalapho amanina akhalazela izinga eliphakamileyo
lentswela-ngqesho kwabasetyhini.

“Umhla wokuqala
kweyeThupha ubonakalisa inyanga ebekelwe amanina, sikuvile ukubulawa kwamanina
oko khange kuhlale kakuhle kuthi,” utshilo uThandi Mahambehlala olilungu
lePalamente kumbutho weANC. 

UMahambehlala uthi amanina aselula ngeminyaka
kufuneka abumbane yaye kuqinisekiswe ukuba isitshulwa neengcambu impathombi
ngakumakhosikazi nentsana zawo.