Kwanele!

Sonke masikhumbule abo bathi badlwengulwa bebulawa ngamadoda, kufuneka ukuba sikhusele onke amakhosikazi nabantwana “kubugwala bezaphulimthetho” ezenza ukuba baphile ubomi bentshontsho.

Lo ngumyalezo kaMongameli uCryil Ramaphosa ngethuba emisela inkqubo yokulwa ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana eLephalale kwiphondo laseLimpopo ngoLwesibini.

Uchaze le ngxaki yokubulawa kwamakhosikazi njengengxaki nosizi okungcolisa igama lelizwe lethu.

“Oku akuhambelani nendlela yokuziphatha yamaAfrika nako konke esihambisana nako singabantu.

Sikhule sifundiswa ukuba amadoda namakhwenkwe ahloniphe amakhosikazi akhusele abantwana. Sikwafundiswe ukuba singaze sisiphakamise isandla emntwini ongumama.

Kodwa siyilahlile lo mfundiso. “Intlalo yethu izele ubundlobongela obujoliswe kwabo simele ukuba siyabakhusela,”utshilo.

UMongameli uRamaphosa ugxeke ubugwala bezi zaphulimthetho ezingenantlonipho yobomi bomntu, uthi oku akwenzeki kuphela kubantu besini esithile nobungakanani bomntu, kodwa namakhwenkwe ayadlwengulwa.

“Banyanzelisa ubunganga babo kwabo bathandana besini sinye, abathandana benezini ezingafaniyo, kwanabo banomdla kwabezinye izini.

“ Sidibene apha namhlanje ukuza kuthi kwanele kuba ngenene sanele zezi ziganeko,” utshilo uRamaphosa.

Le meko yobundlongela athetha ngayo uMongameli inatyisiwe kwezi nkcukacha zingezantsi.

* Unyaka nonyaka kukho ukukhula kweziganeko zokudlwengulwa ngeepesenti ezine ekhulwini.

* Amashumi asibhozo obundlobongela bezesondo obukhatshwa ludlwengulo

* Amakhosikazi amane kwalishumi aya kudlwengulwa ngexesha lokuphila kwawo.

* Rhoqo ngeeyure ezintathu kukho inkosikazi ebulawayo eMzantsi Afrika.

Kwiiveki ezimbini ezizayo, iphulo lethu elikhuthaza ukuthatha amanyathelo ngolu lwaphulomthetho liza kukhupha ingxelo ebonisa oonobangela bobu bundlobongela busekelezelwe kwisini.

Ukuzibhenca nokuqwalasela indlela esiziphatha ngayo imihla ngemihla kuza kuba yinxalenye yoku. Ezi zinto azizukubalula.

Kodwa sithi #Musa ukungakhathali.