Kwenzeka izinto ezibuhlungu ebantwini balapha kwaLanga

Ndazalelwa kwisitalato saseBrinton kwaLanga. Ngokucacileyo, utatomkhulu wam wayeyinxalenye yabo babesakha ezi zindlu zilapha kwaLanga.

Umama wam wayezibandakanye kakhulu kwezo politiko. Sasingenalwazi ngeentlanganiso awayesiya kuzo. Waqhubekeka esilwa idabi kodwa engafumani ntlawulo nangona sasibhuqwa yindlala. Wayehleli ngelithi, ‘Bantwana Bam, kuya kulunge ngenye imini’.

Kuqhubeka ngolu hlobo, kodwa kuza kulunga ngenye imini’ Indlu yethu yayi gqogqwa ngamaBhulu, sasikhala kubuhlungu. Wayebanjwa ngamadoda amjule emva kwinqwelo yamapolisa.

Sasingenalwazi nokuba uza kuvalelwa kweyiphi na intolongo. Sasihamba simkhangela namaqabane wakhe omzabalazo.

Zininzi izinto ezibuhlungu ezazisenzeka ebantwini balapha kwaLanga. Umama wam wayezikhalimela ezilwa ezi zinto zaziqhubeka. Njengokufakwa ediphini.

Amadoda ayesuka eMakhaya, eMpuma Koloni, ezokuphangela edolophini aye siza nge… nge… bathi yintoni kanene xa beyibiza? YiJoyini.

Kwakukho iholo elalinendawo enkulu yokudlula. Amadoda ayefakwa ediphini apho. Sasisenza uqashiqashi njengabantwana. Babe jongeka okweenkomo ezifakwe ediphini. Amadoda ayezivula iisutikheyisi zawo kwaye kubekho into egalelwa kuzo. Andinalwazi ke nokuba yayiyiDDT’, kodwa ikhona into eyayi galelwa kubo ukuthintela ukuba bangasasazi izifo. Babefakwa ediphini. Yinto eyayi senziwa kubo leyo. Amadoda ayehamba engumkrozo njengeenkomo ezilindele ukufakwa ediphini.

Abafazi bona babe sima babukele, becula igwijo. Babecula ingoma ethi: ‘Phaya kwaLanga, rhoqo ngoLwezithathu, abafudukeli bayaditshwa. Wenyuk’uMbombela… Otata bayaditshwal’ Sacinezeleka ngenxa yocalucalulo. Kwakunzima.

Uthi xa uhamba edolophini ubone umntu omhlophe ehamba nabantwana bakhe.

Bengathethanga nto kuwe, uza kusuke uhambe usuke kwindledlana yokuhamba ngenyawo, nokuba ungade ube utshayiswa yimoto ngoba babe kutyhala bakubhekisele kude kubo kwaye kungekho nto unokuyithetha.

Okanye xa ugqitha kwindawo yokutyela mhlawumbi unqwenela ukungena uzithengele into etyiwayo neziselo kuyo. Kodwa wawungenako!