Kwingxaki okuyo, likhona ithamsanqa

Umbhali kwanegqirha uSelina Velaphi osandula ukubhala incwadi UMFANEKISO: UTHUNYELWE

Ukusukela kwiinzingo eziza nokukhula, ukuya kwiinkxwaleko ubani athi azifumane ngenxa yokuxelengela inyama, ukufumana ezona zinto zingundoqo ebomini bomntu, kwanakubizo lobugqirha.

Ezi zezinye zezihloko eziqulathwe kwincwadi kaSelina Velaphi ethi Beautifully Broken: A Memoir, nesandula ukupapashwa.

Le ncwadi ingoVelaphi buqu, kwaye ithetha ngokwenzeke kuye ngokumayelana nezinto ebecinga ukuba unolwazi ngazo ebomini, kodwa zaphela zibenza nzima ubomi bakhe.

UVelaphi ligqirha, umbhali, umphathimisitho/matheko (MC), umkhuthaziluntu kwanomqokelelibantu kwezomoya (Spiritual Life Coach).

Encokolela I’solezwe lesiXhosa malunga nale ncwadi, uVelaphi uthe: “Le ncwadi iqulathe imbali ngobomi bam. Libali lokukhuthaza uluntu ngokuthi nokuba zeziphi iinzingo azibona ephantsi kwazo umntu, likhona ithemba.”

Uthi ukubhala yinto akhule eyithanda. “Into endikhuthazileyo ukuba ndibhale le ncwadi kukuba ndingumntu okhule ethanda ukubhala. Bendikhe ndithi xa ndiva into ebuhlungu okanye emnandi ndithathe usiba nephepha ndibhale. Ndiye ndaqwalasela ke ukuba iyandiphilisa emphefumlweni lo nto.”

Ethetha ngesihloko sencwadi yakhe, uVelaphi uthi siyimfundiso kwabo baphelelwa lithemba xa bengene ezingxakini.

“Esi sihloko likhwelo eluntwini elithi akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Zingabe zikhona izinto ezizama ukukophula umphefumlo kodwa bukhona ubuhle nakwezo ngxaki. Ingxaki iza nesiphiwo ekhatshwa siso,” utshilo uVelaphi, ekwathi le ncwadi ikwakrobisa uluntu ngokwenkolo kaNtu.

Ethetha ngaye uVelaphi uthe: “Ndiyintombazana ekhulele eMdantsane, ndinamava kakhulu kwiHR (Human Resources) apho ndisebenze iminyaka engaphezu kwelishumi elinesihlanu eRhawutini. Ndikwangumama othanda ukulima nokufunda iincwadi.”

Le ncwadi uyipapashe ngokwakhe uVelaphi, ngako oko ifumaneka kuye ngeR250. Ungatsalela umnxeba okanye uthumele umyalezo kuWhatsApp ku 063 219 2926.