Lala ngoxolo Nkosi Zanomthetho!

UNkosi Thembinkosi Zanomthetho Mtirara ungcwatyelwa eMqhekezweni ngomso (Lwesihlanu) UMFANEKISO: FACEBOOK

ABANTWANA begazi, oosopolitiki kwanoosomashishini baza kubuthelana kwiKomkhulu laseMqhekezweni eMthatha ngomso (Lwesihlanu) ukuza kuthi ndlelantle kuNkosi Thembinkosi Zanomthetho Mtirara, osutywe kukufa emva kwengulo emfutshane.

UNkosi Zanomthetho (43) ulishiye eli ngomhla wesithoba kule nyanga kwisibhedlele saseMthatha emva kwengulo engephi.

Kwimbalelwano, uNkosana Phikolomzi Mtirara uchaze le nkosi njengomntu obehloniphe izithethe namasiko wabaThembu.

“Ebekhokela iinkqubo zokuvuselela ilali yaseMqhekezweni kuquka nokusebenzisana neBhunga laMafa eSizwe (National Heritage Council) ukuze kudizwe iMqhekezweni njengesiza selizwe esikhuselekileyo.

“Ukudlula kwakhe emhlabeni kuzise unxunguphalo olungathethekiyo lokuphulukana nomntu obekhuthele, obeqatyaniswa noNkosi Jongintaba Mtirara owakhulisa uNelson Mandela kwiKomkhulu laseMqhekezweni,” utshilo uNkosana Phikolomzi Mtirara.

UNkosi Zanomthetho uzalwa ngongasekhoyo uNkosi Sandile Zonwabele Mtirara, ozalwa nguNkosi Justice Zwelivumile Mtirara, ozalwa nguNkosi Jongintaba Mtirara. UNkosi Jongintaba wakhulisa uMandela eMqhekezweni.

Ingqonyela yeBhunga laMafa eSizwe uAdvocate Sonwabile Mancotywa uthi le nkosi ibizinikele kubunye babaThembu nokuba bahlala ndawoni.

“Ebeyixhasa ngokungagungqiyo inkqubo yokudiza iziza zemizila kaNelson Mandela ibeziziza zehlabathi kuquka noMqhekezweni njengesiza sokulilifa esikhuselekileyo,” utshilo uMancotywa.

UNkosi Zanomthetho ushiya ngasemva unkosikazi wakhe kwanabantwana abathathu, umama wakhe nabantakwabo. Lala ngoxolo Madiba!