‘Le asiyontsomi, yintsumantsumane!’

UMphathiswa weSebe lezeMpilo kweli uGqirha Zweli Mkhize, uMphathiswa weSebe lezeMpilo kwiphondo leMpuma Koloni uSindiswa Gomba kunye neNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane

AYIYONTSOMI! ulumkise ngelitshoyo uGqirha Zweli Mkhize ongumphathiswa wezeMpilo kweli, echaza ngobungozi bokunwenwa kwentsholongwane ikhorona.

La mazwi uwabhekise kubantu baseMpuma Koloni nabachazwe njengabangayiseleso le ntsholongwane.

UGqirha Mkhize ebethetha ekwiKomkhulu lamaXhosa kuGatyana eNqadu, nalapho achazele iinkokheli zemveli ukuba uthumele ishumi leengcaphephe kwezempilo ukuza kuncedisa amagosa ezempilo eMpuma Koloni kwiinzame zokunqanda ukunwenwa kwale ntsholongwane yekhorona.

Anyuka ngokunyuka amanani wabantu abanale ntsholongwane kweli phondo, kwaye kubonakala umsantsa kwizicwangciso zephondo kumalungiselelo wamaziko abekelwe bucala ukuze ahlangabezane nalo bhubhane.

Oku kubonakale kwizikhalazo zabongikazi kwizibhedlele eziliqela eMpuma Koloni, bekhalazela ukungaxhotyiswa ngesinxibo sokuzikhusela ukuze bamelane nezigulane ezinekhorona.

UMphathiswa wenze umbulelo kwiinkokheli zemveli eMpuma Koloni ngokuzinikela ekusebenzisaneni norhulumente, watsho eziyalela ukuba ziqinise ukunqanda ukwanda kwale ntsholongwane ngokuqinisekisa ukuba kwimimandla ephantsi kwazo isigunyaziso sikarhulumente siyathotyelwa.

Amanani ezigulane ezinekhorona aphenjelelwe ziindibano zabantu emingcwabeni.

Kwintolongo yaseMonti ngamashumi asibhozo anesixhenxe abantu abanale ntsholongwane, kuquka i56 yamabanjwa ne31 yabasebenzi ekukho kubo namadindala.

Kukholeleka ukuba yangena ngowasetyhini owayezimase umngcwabo eSajonisi.

Lo mngcwabo sewuchazwe njengonobangela wekhorona kwingingqi yaseOR Tambo.

Ukanti naseChris Hani ayakhula amanani ezigulana ezinekhorona nekukholeleka ukuba zidibene nayo ezingcwabeni, kukwanjalo nakuMasipala waseBhayi.

Noxa kunjalo, abemi beli phondo babonakalise ukungayiseli so le ntsholongwane ngokuqhubeka ngokuya ngobuninzi emingcwabeni, beqhuba imicimbi enotywala besintu nalapho kurhatyuliswana ngebhekile, ngelixa abanye beqhuba nemidlalo yebhola ekhatywayo.

Inkosana yesizwe samaXhosa uXhanti Sigcawu ithi baxhalabile ngamalungiselelo eMpuma Koloni, ngakumbi kumhlaba wamaGcaleka.

OkaSigcawu uthethe wathi: “Okokuqala asinazibhedlele apha. Kwiindawo ezifana naseRhawutini siyawabona amalungiselelo eendawo esezibekelwe bucala.

Kunganjani ukuba nathi apha sibekele bucala izikolo ezavalwayo ngenxa yokungabi namanani?”

Kubekho nabacebise ngokulungiswa kwemizimveliso eseyavalwa eGcuwa ukuba yenziwe iindawo zezigulane ezineKhorona.

UMkhize ulumkise ngoxinizelelo lweziseko kwezempilo ukuba amanani ezigulane anyuka ngomthamo ongalawulekiyo.

“Ukuvalwa kweentshukumo zabantu kwakubhekiselele ekunciphiseni amanani okosuleleka.

Ukuba amanani wabantu abosulelekileyo anyuka njalo, inkonzo yezempilo ayizukumelana nawo.

Oogqirha namanesi baza kohlulakala. Ngubani ke oya kunyanga abo bagulayo?” ubuze ngelitshoyo uMkhize.

Ukhalimele abantu abasuka eKapa bengena eMpuma Koloni ngelithi:

“Abantu baseNtshona Koloni abasuka eKapa abayazi inkqubo yokunqandwa kweentshukumo, bahla benyuka bengena eMpuma Koloni.

Sinomntu owayebhaqwe eNtshona Koloni ozokubhubhela eMpuma Koloni, nosibhidileyo kuba apha eMpuma Koloni bathi abamazi, eNtshona Koloni babe bengamazi ukuba uphi.

Lo nto ithetha ukuthi ukuhambahamba ngexesha lokuvalwa kweentshukumo kuyingxaki,” utshilo uMkhize.

Ukanti ukuthunyelwa kweengcaphephe kwamkelwe ngezandla ezishushu yiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane noMphathiswa wezeMpilo.