Le meko iqala koosodolophu

Ezona njongo zokubhala kwam le ncwadi ngesiXhosa kukuzama ukuba uninzi lwabantu abamnyama nabo bafikelele ekuyazini inyaniso ngokuthengiswa kwesizwe sethu ngoosopolitiki kumabhulu nezinye iintlanga zamazwe ngamazwe.

Bakhona ooHlohlesakhe abaza kuyiphikisa le nyaniso becingela izisu zabo, kodwa mna ndiyibhala le ncwadi kuba ndizibonela nangokwam ukuba okokoko safumana inkululeko, abona bantu baxhamla iziqhamo zenkululeko ngoosopolitiki nooDuduzane babo.

Uthi uRonnie Kasrils kwelinye inqaku lakhe, Full equality – social and economic – does not exist, and control of the country’s wealth remains in the hands of a few, so new challenges and frustrations arise (Inkululeko epheleleyo kuquka intlalakahle noqoqosho azikho elizweni lethu.

Ubutyebi besizwe busezandleni ezimbalwa, nto ke leyo ekhokelela kwiingxaki eziliqela njengokulamba kwesininzi sabantu kwilizwe lethu). Zininzi iinkokeli namadelakufa okwenene athetha ngolu hlobo, emva kweminyaka engaphezu kwamakhulu amathathu kuphalala igazi phantsi kwengcinezelo yamakoloniyali (colonialism).

Xa ndiza kuqalisa ukubhala esi siqendu sokuqala, kuza kufuneka ukuba ndiphawule mayela nendlela endiza kuyibhala ngayo le ncwadi.

Obona bunzima ndibufumanayo kukubhala ngesiXhosa ndizame ukucacisa imiba ethile edla umzi, kuba izinto ezininzi ezimayela nezopolitiko, ezoqoqosho njalo njalo, azinawo amagama esiXhosa acacisa ngqo.

Kungeso sizathu ekuthi izifundiswa zoosopolitiki zigqibe ngekamva labantu, kodwa bona abantu babe bengenabo ubunzulu bolwazi ngemibandela ebachaphazelayo. Zona izi-aram zabantu ziva nje sekusithiwa,”umsebenzi uphelile” babe ngamanye amaxesha bengacaciselwa nakakuhle ngezizathu.

Ndakucela ke ngoko ukuba nindinyamezele xa ndisebenzisa i”Xhonglish” yokuxuba isiXhosa nolwimi lwesingesi phantsi kweenzame zokucacisa imiba ethile.

Ndicela ukucacisa ukuthi, izinto endizithetha apha kule ncwadi, ngakumbi amazwi athi “Oosopolitiki basithengisile isizwe” awaphumi emqaleni wam, nangaphandle kokuba imeko izicacela, akwaphuma kwiincwadi namanqaku amaphephandaba abhalwe ngamadelakufa awaziyo umzabalazo, njengoMoeletsi Mbeki, uProf. Sampie Terreblanche, uRonnie Kasrils nabanye.

Eyam indima kukuthatha ezi nyaniso ndizibeke phambi komzi ontsundu ngakumbi abo bangakhange bayingcamle inkululeko kule minyaka engama-24, kuba ngoApreli sakube sigqiba ama-24 eminyaka sikwinkululeko yabambalwa kweli lizwe.

Zonke iimpawu zibonakalisa ukuthi kule minyaka yenkululeko, olambayo uyaqhubekeka elamba kakhulu, nohluthayo uye ebheka phambili ehlutha kakhulu.

Baninzi abantu abayibonayo le meko, abaxakiweyo ukuba kwenzeke njani na ukuze i36% yabantu iphethe ilamba ingenanto etafileni, lize igcuntswana loosopolitiki nezityebi zamabhulu nabamnyama zixhamle ngokwentlalo yobukoloniyali nobukapitali (neo-colonialism).

Yena ke uMbeki uthi ngumkhwa wazo ke lowo izikhulu zoosopolitiki e-Afrika.Iimfazwe ezininzi emva kwenkululeko e-Afrika zisusela kwiinkokheli zopolitiko ezifuna ukuphila laa mpilo yamakoloniyali (neo-colonialism) ecinezela abantu abaphantsi (peasants).

Abo babengahambisani nale nkqubo, njengoPatrice Lumumba noNkrumah, babhukuqwa ngabo bathanda impilo yobukoloniyali yabacinezeli. Umbono oqhelekileyo kwizixeko zelizwe lethu yimiqodi yamadoda ahleli ezitalatweni, amanye ephethe amaxwebhu abhalwe izakhono anazo.

ULetta Mbuli, imvumikazi yodumo ithi “Sibuye elubhacweni sicinga ukuba siza enkululekweni, kodwa safumanisa ukuthi abantu ebesicinga ukuba ngamadelakufa, endaweni yokukhulula isizwe, akhulule iipokoto zawo.”

Yena uMoeletsi Mbeki kwincwadi yakhe engu Architects of poverty ucacisa phandle ukuba kwa ukususela kumaxesha obukhoboka e-Afrika, ikwangabanye abantu abamnyama ababeleqa babambe abantu abamnyama babathengise kwiinqanawa zabamhlophe ezazibakhonxa okwezilwanyana abantu base-Afrika, babathumele kubukhoboka eMelika (United States of America).

Bona abaseMzantsi Afrika oosopolitiki bathengise isizwe kwiingxoxo ezazisandulela inkululeko.

Esinye isizathu esabangela ukuthi eMelika sikhule isizwe sabamnyama (African Americans), kwakukho kwisiqithi iGoree Island, iNdlu yobuKhoboka (Slave House) ligama layo elo.

Yindlu ebinemigangatho emibini; omnye umgangatho ungaphantsi komhlaba, apho kwakukho iikhabhathi ezinkulu apho bekuvalelwa “amakhoboka asokolisayo”.

Le ndlu ibinocango olukhulu oluvulekela elwandle kuphela, cango olo olubizwa “Ucango Lokuncama” (Door of no Return), kuba ebesithi ongene kulo angaphindi alibone ikhaya lakhe nelizwe lakhe, okungaphezulu nenkululeko yakhe..

Abanye babephelela elwandle ngokugula okanye bazibulale, okanye babulawe besenziwa yonke into ebuhlungu ngenxa yamanye ama-Afrika ayehlawulwa umxhesho ngabamhlophe.

Bona abaseMzantsi Afrika oosopolitiki bathengise isizwe kwiingxoxo ezazisandulela inkululeko ukuqalela kwiminyaka ka1991 ukuya ku1996…

Echaza esona sizathu sibangele ukuba abhale le ncwadi yakhe, uMbeki uthi “Esona sizathu sibangela ukuba ndibhale le ncwadi, kungenxa yenkqubo yase-Afrika, apho kuthi abanamandla ngokwezopolitiko okanye uqoqosho, endaweni yokunceda abahlwempuzekileyo, basuke babathathe abantu nezinto zelizwe lethu (human and mineral resources), babathengise nezinto zelizwe lethu kwamanye amazwe…”

Obona budenge kukuba izinto ezifana nezimbiwa zase-Afrika zifika kula mazwe obukhoboka ziguqulwe ziphinde zithengiselwe thina kwa kule Afrika yethu ngamaxabiso aphakamileyo. Uthi uMoeletsi nkqu ezi zikhulu zopolitiko zifumana iingququ (crumbs) ezivela kula mazwe bezithengise kuwo izinto zeli lizwe, kuquka namakhoboka.

Le ndlela yokushishina, ebizwa “mercantile capitalism” kulapho iintlanga ezimhlophe ikakhulu be

zithenga ngexabiso eliphantsi zithengise ngexabiso eliphakamileyo.

Uthi kodwa ke wona amanye amazwe afana neMelika ahambe ahamba aphuma kwinqanaba lokuthenga bathengise, bangena kwinqanaba lokwenza izinto ngokwabo bazithengise kwa ngokwabo kwamanye amazwe (industrialization).

Umntu osebenza ngokuthatha into ayiguqule ayithengise, ngoyena uhlonitshwayo sisizwe (entrepreneur).

Isizwe esikhulula abantu abaphantsi (ndixakwe kukutolika igama “peasant”) ukuba bathathe izinto (resources) baziguqule bakhulise ixabiso lazo (industrialization) bencediswa ngabezopolitiko, sesona sizwe sidla ngokuphumelela kakhulu.

Kodwa ngexesha lobukoloniyali, izizwe ezicinezele ama-Afrika bezithatha izinto zase-Afrika zizise komawazo ziyokuguqulwa khona, wena golide, wena kopolo, zizithengise kwamanye amazwe (industrialization).

Kwimali abayifumene kolo shishino bebecuntsulela abasebenzi imali encinci, okanye umxhesho (groceries) ongumvungulo wokuwagcina amakhoboka ephila.

Uyabona ke mntu waseMzantsi Afrika, injalo kanye inkamnkam abazingca ngayo oosopolitiki.

UCyril Ramaphosa ucinga ukuba uthetha into yokwenene xa ezigwagwisa ebancoma ukuthi bona bengurhulumente banika iR17 million yabantu inkamnkam.

Inkamnkam ayingomsebenzi, akayiphathi inyaniso yokuba uMzantsi Afrika lilizwe lokuqala emhlabeni apho izikhulu zoosopolitiki zahlala ezingxoxweni zathengisa abantu besizwe, zaza zathi zakugqiba zanika abantu bamanye amazwe amashishini kuba befuna ukuqhubekeka bonwabe.

Sesiphi esinye isizathu esinokubangela ukuthi lo rhulumente wabo angenise ezinye iintlanga ngomtshetshaphantsi azifake apho bekufanele ukuthi kushishine abavoti khona?

Ndiyithetha ngabom le meko yokuvota kuba sebeqalile ukugaya ivoti. Siyazi ukuba ngokuye lusondela uvoto kuza kuvela nee “food parcels” ezingumxhesho wokuthenga ivoti.

Phofu ke nabantu bakuthi bayayifuna le nkamnkam nee’grant’kuba abanayo into ebhetele kuba imali ityiwe ngurhulumente wamasela (kleptocracy).Ngaphezulu asiyo 17million yabantu, yi 17×4=68 million xa sibala nabo baxhomekeke kule mali…

*Fumana isiqendu sesibini kule veki izayo