Wonke umzali kufuneka aqinisekise ukuba umntwana wakhe uyazifumana izigonyo nanjengokuba ekhula nje.
Kubalulekile ukuba wonke umntwana agonyelwe izifo ezinyangekayo nezo ziyingozi.
La mayeza afumaneka fele-fele kwiikliniki zorhulumente woMzantsi Afrika.
Ezi zigonyo ziye zithintele ezi zigulo zilandelayo:
· Isifo sephepha (Tuberculosis)
· Poliomyelitis
· Diphtheria
· Hepatitis A no-B
· Uqilikwane
· Chickenpox
· Rotavirus
· Pneumococcal infection
· Measles, umkhuhlane nezinye.
Zisebenza njani ezi zigonyo?
Ezi zigonyo ‘zifundisa’ amajoni omzimba ukuba azibhaqa kwaye azilwe njani iintsholongwane, imikhuhlane, izifo phambi kokuba isifo esithile siqine.
Kutheni iintsana sizinika izigonyo nje?
Iintsholongwane ezithile nezithintelekayo kwiinyanga zokuqala `zobomi zingamosulela umntwana.
Ukubagonya abantwana kubanceda kukhuseleko xa beludinga. Ezinye zezigonyo ziye ziphindwe ukuqinisekisa ukuba usana okanye umntwana lowo uhlala ekhuselekile.
Ikhadi lasekliniki lomntwana (The road to health chart)
Ukuba ubelekele kwigumbi lokubelekela esibhedlele, uyakunikwa ikhadi ‘road to health’ chart.
La makhadi awabukeki ngendlela efanayo, nanjengoko isibhedlele ngasinye sinelaso.
Qinisekisa ukuba ufumana ikhadi phambi kokuba usifulathele isibhedlele eso ububelekele kuso. Ukuba umntwana ubelekelwe ekhaya, ungalifumana ikhadi kwikliniki ekufutshane.
Zonke iinkcukacha ngempilo yomntwana wakho ziye zifakwe kwikhadi ngugqirha okanye unesi ekliniki.
Iinkcukacha ngezigonyo, nazo kufuneka zigcwaliswe ekhadini.
Khumbula, ukugcina ikhadi elo kwindawo ekhuselekileyo, ngokuba uzakulidinga xa umntwana esiya esikolweni.
Hlala uhamba nalo njalo xa usiya ekliniki, kwagqirha okanye esibhedlele, iikliniki ezininzi soze zimxilonge umntwana ngaphandle kwayo.
Inkqubo yesigonyo kazwelonke:
Ubudala bomntwana: Sesiphi isigonyo? Unikwa njani nandawoni?
Ekuzalweni BCG (isigonyo se-TB) Isigonyo ngasentla
kwingalo yasekunene
Isigonyo sePolio Amaqabaza emlonyeni
DTP Inaliti kukhohlo lwethanga
Iiveki ezintandathu Hib Inaliti kwithanga ubudala lasekhohlo
Hepatitis B Inaliti kwithanga
Lasekunene
Polio Ithontsi emlonyeni
DTP Inaliti kwithanga
Lasekhohlo
Kwiiveki ezilishumi, Uphindaphindo lwezo besandul’ukuzifumana.
Kwinyanga yesithoba ubudala, ufumana isigonyo seMasisi (Measles) kwithanga lasekunene.
Silandelwa sisigonyo sepolio ngokufumana iqabaza emlonyeni.
Kwiinyanga ezilishumi elinesibhozo, ufumana ugonyo lweDTP, iMeasles kunye nePolio.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup