Libulewe ngabafundi abangamantombazana isela

Ibethwe yabhubha indoda ebirhanelwa ngobusela, ngabafundi abangamantombazana besikolo iMount Arthur eLady Frere. Abafundi bathi bebehleli kabuhlungu yile ndoda ibixhwila izinto zabo.

Ngokwengxelo, le ndoda ibihamba ngophahla lendlu ityhutyha-tyhutyha amagumbi ahlala abafundi ibakhuthuza.

Umfundi ongavumanga ukuzichaza igama uthi lo mrhanelwa uhlaselwe ngabafundi ngelizama ukuzikhusela emva kokumbona esihla kwisilingi kwelinye lamagumbi abo.

“Kudala lo mntu esixhaphaza apha ethatha izinto zethu, othule impahla ecingweni, axhwile iifowuni zethu. Ebesiba nezihlangu ezi ungamazi ukuba uzithini, kuthwa ke ebezithengisa,” uthethe watsho lomfundi.

Le ngxelo ithi abafundi bayibethe le ndoda ithuba elingangeyure, ukususela kwintsimbi yeshumi elinesibini ezinzulwini zobusuku ukuya kwintsimbi yokuqala.

“Simbethe ngeentonga zomtshayelo, iizithulo nezihlangu sada samoyisa, samgalela amanzi abilayo emva kokumbetha,” utshilo lo mfundi.

Ukanti usibonda wale lali uThomas Mani ubongoza isebe lezemfundo kweli phondo ukuba lingenelele ukuphucula umgangatho wokhuseleko eMount Arthur.

“Ndizalelwe kule lali andizange ndisibone isimanga esifana nesi, kodwa ke isebe lemfundo kumele ukuba lithabathe amanyathelo okuqinisekisa ukuba kukho inkampani yezokhuseleko ekhusela aba bantwana, ngamantombazana bafunda balapha,” ucacise ngelo uMani.

Esi sesinye sezikolo ebezikhethwe ngumphathiswa wesebe lezomkhosi kweli uNosiviwe-Mapisa Nqakula ngenjongo yokunika uncedo kwimikhaka eyahlukileyo ukugcina imbali nesidima sesi sikolo. IMount Arthur Girls High esisikolo samantombazana yasungulwa ngeminyaka yo-1930 yinkonzo yamaWesile neyathi emva koko yasinikela kubahlali bala ndawo.

Umhloli wesebe lezemfundo kwingingqi yaseLady Frere uChulekazi Bhula uyavuma ukuba ngenene ikhona ingxaki yokhuseleko kwizikolo zala ngingqi ingakumbi kwezo zihlala abafundi.

“Asinakuyibaleka eyokuba iingxaki zokhuseleko zikhona apha ezikolweni zethu, kodwa uxanduva lokhuseleko ngumsebenzi wethu xa sisonke singabahlali,ootishala noluntu ngokubanzi,” utshilo uBhula.

Uvakalise ukuba umeme amapolisa, uluntu, iinkosi, abefundisi kwakunye namasebe karhulumente achaphazelekayo kwindibano ezakushukuxa ukhuseleko kwesa sikolo.

Esi sihelegu senzeka logama abafundi bebanga leshumi beqhubeka nemviwo zokuphela konyaka.

Othethe egameni lamapolisa kula ngingqi uNamhla Mdleleni uqinisekise ukuba amapolisa avule ityala lokubulala.

“Likhona ityala lokubulala elivulwe ngamapolisa kukwaqhutywa uphando olubanzi ngalo mcimbi,” utsho uMdleleni.

Izikolo zalangingqi zigagene neengxaki yokuqhekezwa kuthathwe iikhompyutha eziphathwayo kunyaka ophelileyo.