#LifeEsidimeni – Qedani: ‘Ndiyaxolisa ngokubhubha kwezihlobo zenu’

Obesakuba nguMphathiswa wezeMpilo eRhawutini uQedani Mahlangu

Obesakuba nguMphathiswa wezeMpilo eRhawutini uQedani Mahlangu ude wavela phambi kweqoqo elimiselwe ukuphanda inyhikityha yokubhubha kwabantu abagula ngengqondo base #LifeEsidimeni, watsho exolisa kwiintsapho ezaphulukana nezihlobo zazo.


UMahlangu, obenxibe iimpahla ezimnyama eziluphawu lokuzila, uvele ngentseni yangoMvulo phambi kweli qoqo elikhokelwa ngobesakuba liSekela-Jaji kwiNkundla yoMgaqo-Siseko uDikgang Moseneke.

Oku kunxulumene nokubhubha kwezigulana ezigula ngengqondo ezikwikhulu elinamashumi amane anesithathu (143) emva kokususwa eLife Esidimeni lisebe likaMahlangu ngaphandle kokulandela imiqathango.

 Ezi zigulana zasuswa eLife Esidimeni zisisiwa kumaziko angenanto yazwenza norhulumente (NGOs), apho kwavela ukuba ubuninzi bawo ayengakulungelanga ukuhlala abantu abagula ngengqondo.

Ubuninzi bezi zigulana zabhubha ngenxa yokuswela amanzi emzimbeni, logama ezinye kubonakala ukuba zabhubha ngenxa yokuswela inkathalo.

Lixesha lide iqoqo elikhokelwa nguMoseneke lifuna uMahlangu aze kuphendula, kodwa wabe engekho nanjengoko esithi ufunda eBhritane.

Ngethuba evela ngoMvulo ebebonakala engakhululekanga kwaye ukhe wantlimpinika kwimizuzu nje emithathu emva kokuba eqalile ukufunda ingxelo ayibhalileyo malunga nokubandakanyeka kwakhe kule nyhikityha.

Ethetha namagqwetha amele iintsapho zamaxhoba, uMahlangu uthe: “Ndiyaxolisa kakhulu ngokuba niphulukene neentsapho zenu. Ndiyayazi ukuba ukuxolisa kwam, akunakubuyisa iintsapho zenu.”

Ngeli xesha ke, abantu baye baqala ukumxwaxwa uMahlangu, kubonakala ukuba abaxolanga yimvula-mazwi yakhe. Kuye kwanyanzeleka ukuba kungenelele uMoseneke ocele ukuba makanikwe imbeko lo kaMahlangu.