Ligwetyiwe ipolisa elimdaka

 

UMkomishinala wamaPolisa uLiziwe Ntshinga.

Ligwetywe iminyaka esixhenxe ipolisa lakuKomani emva kokuba lithe lafunyanwa yinkundla yala mmandla linetyala lokukhusela abathengisa iziyobisi.

Eric Sipho Nene.

Ngokwengxelo ephuma emapoliseni, uConstable Sipho Eric Nene (38) emva kophando lwangaphakathi kwanoluleko uye wafunyaniswa enetyala lorhwaphilizo kwanelokujongela phantsi ingalo yomthetho. UNene wanqunyanyiswa iinyanga emsebenzini ephandwa emva kokuba kubekwe ityala ngakuye.

UNene ebekwicandelo leFlying Squad kuKomani. Kuvakala ukuba enabanye oogxa bakhe ababanjwa naye babekhusela abashishina ngeziyobisi, babakhaphe ekubeni bangamiswa ngabomthetho wezendlela endleleni.

Izityholo zithi aba babanjwayo babeye babhatalwe kwaye imali abayibhatalwayo yayixhomekeka kumdla welo lungu.

Ityala laliphandwa ngabeAnti-Corruption. Lakhokelela ekubanjweni kukaNene ngomhlwa wama-31 kweyoMqungu 2017. Wakhululwa ngesilumkiso, ze wanikwa elokubuya avele kwakhona neyaba ngumhla wesixhenxe kwinyanga ezayo kwango2017.

Kulo unyaka uye wagwetywa iminyaka emihlanu yorhwaphilizo engaphakathi eziseleni. Emibini ngeyokujongela phantsi ingalo yomthetho.

Elinye ilungu uWO Amos Rafu (52) naye wagwetywa iminyaka emihlanu ejele ngokurhwaphiliza. Ugwetywe kunyaka ophelileyo ngeyeDwarha 2020.

UMkomishinala wamaPolisa uNjengele Liziwe Ntshinga uthe amapolisa soze ayimele le imeko yohlobo aziphatha ngalo nazibandakanya ngalo kurhwaphilizo. Amapolisa mawathembeke kwaye awuthobele umthetho. “Sitsho rhoqo ukuba amapolisa mawawuthobele umthetho kwaye angazibandakanyi norhwaphilizo,” utshilo uNtshinga.

Amanye amatyala abumila bunje asaxoxwa kwiinkundla zamatyala engingqi yakuKomani kwaye kusalindeleke ukuba kugwetywe abanye.