Limiselwe unyaka ozayo ityala likaPanayiotou

Usomashishini uChristopher Panayiotou enkundleni yamatyala eBhayi. Umfanekiso: Raahil Sain

Limiselwe unyaka ozayo ityala likasomashishini waseBhayi uChris Panayiotou ojongene netyala lokuba ngungqondongqondo ekubulaweni konkosikazi wakhe, uJayde.

Ityala limiswe yiJaji elichopheleyo uDayalin Chetty ngenxa yobungqina obungade buqine ngenxeni yobungqina obungena imihla ngemihla.

Ityala lizakubuyela iintsuku ezintathu kunyaka ozayo ngomhla we-19 kuTshazimpuzi, 5 Canzibe kwanangomhla we-12 kweyeSilimela 2017.

UJayde (28) waxhwilwa ngenyanga kaTshazimpuzi kunyaka ophelileyo, exhwilwa ngongasekhoyo uSizwezakhe Vumazonke ngethuba elinde imoto emthutha rhoqo ukuya eRiebeek Girls College eTinarha, apho waye ngumhlohli khona. Waqapheleka ukuba uxhwiliwe emva kokuba imoto leyo yafika engekho kwindawo aqhele ukulinda kuyo kwaye engasafumaneki nasemnxebeni wakhe.

UPanayiotou, usengaphakathi eziseleni ukusukela oko wafumaniseka ukuba unento yokwenza nokubulawa kukankosikazi wakhe kunyaka ophelileyo.