Lisongiwe ityala lokubulawa kwamapolisa eNgcobo!

Liqoshelisiwe uphando kwityala lokudutyulwa kubulawe amapolisa amahlanu kwisikhululo samapolisa saseNgcobo ebutsheni balo nyaka. 

Oku kudizwe ngumtshutshisi weli tyala uNomapha Mvandaba ngethuba isithandathu sabarhanelwa sivele kwiNkundla kaMantyi eNgcobo. 

UAndani Monco, Kwanele Ndlwana, Siphosomzi Tshefu, Siphesihle Tatsi, Phumzile Mhlatywa kwakunye noPhuthumile Mancoba bajongene namatyala amahlanu okubulala, elokuzama ukubulala ipolisa elasinda cebeshu, namatyala okuphanga isikhululo samapolisa saseNgcobo imipu elishumi nenqwaba yeembumbulu ezingaphaya kwekhulu kwakunye neevesti zamapolisa zokuwakhusela kwiimbumbulu. 

Esi sithandathu sabanjwa ngamapolisa kwikhaya lakwaMancoba elikwalibandla iSeven Angels Church. Ukanti amapolisa abulala abarhanelwa abasixhenxe abaquka oonyana bakwaMancoba abathathu, uThandazile, uXolisa kwakunye noPhilile. Amapolisa avumbulula izixhobo zawo ezaphangwa kwesi sikhululo saseNgcobo. 

UNdlwana kwakunye noTshefu babeke bafaka isicelo sebheyile nalapho badiza ulwazi ngesi sehlo ngethuba kuxoxwa isicelo sabo sebheyile. 
Bobabini bavuma ukuba babekhona ngethuba kubulawa amapolisa amabini kufutshane nesikolo samabanga aphezulu iNyanga. Badiza nokuba emva koko kwaphangwa imipu yawo yomsebenzi kwanesithuthi awayehamba ngaso nesasetyenziswa ngethuba abarhanelwa bezokuphanga isikhululo samapolisa eNgcobo. Kweso sikhululo kwadutyulwa kwabulawa amapolisa amathathu, kwenzakala elinye. Kwangobo busuku abarhanelwa bazama ukuphanga umatshini wokugcina imali kwibhanki yakwaCapitec, ze kwadutyulwa nejoni .

Bobathandathu abarhanelwa bebevele enkundleni kaMantyi eNgcobo emva kokumiswa kwetyala ebutsheni benyanga kaTshazimpuzi.
 

UMvandaba uxelele inkundla ukuba uphando ligqityiwe kulindeleke ukuba igosa elongameleyo kwezotshutshiso lithathe isigqibo ngokufunyenwe ngamapolisa ngethuba kuqhutywa uphando. Ukanti uMalusi Sydney Keto omele imanyano yeetyalike eNgcobo nebi namalungu ebe yokuphulaphula eli tyala enkundleni uthi bayavuya kukubona eli tyala lisiya phambili.

 “Siyayivuyela ingxelo eyondlalwe ngumtshutshisi enkundleni, siyavuya kuba liya ekuxoxweni ngoku eli tyala, sifuna ukubona isigqibo sengalo yomthetho,” utsho uKeto. 

Ukwadize ukuba ibandla lakwaMancoba libahlazisile abefundisi bakwaLizwi abaphuma eNgcobo. “Kwindawo esihamba kuzo ngoku uthi usakuzichaza ukuba ungumfundisi, usuka eNgcobo kubekho abakujonga njengengcuka eyombethe ufele lwegusha,” uqhube watsho. 

Ukanti uBenjamin wakwaMancoba nobe senkundleni ephelekwe ngabanye abebesakuba ngamalungu ebandla lakwaMancoba ubike impathombi efunyanwa lusapho lwakhe. “Abantu bandijonge okwenja ngento endingenasandla kuyo, kodwa akukho nto indothusayo kuba kuzalisekisa isiprofeto sikatata,” utshilo uBenjamin. 
Ukwathe naye usothukile sisenzo esityabeka abantakwabo kodwa akukho nto aza kuyithetha de inkundla iwise isigwebo.