…Lisuka kwiphepha 1

Ukuba izinto abazityanda igila ngazo abantu phambi kwesi sigqeba kungaba ludondolo esiva ngalo isiziba malunga nokulindeleke kwintetho kamongameli, ndingatsho ukuba, kubantu abaninzi abahluphekayo, ulawulo lorhulumente lwembathiswe yinkungu ekhasayo.

Nangona likho ithemba lokuba inkungu ingagabuka kwezinye iindawo ezizakuchatshazelwa yintetho kamongameli, kusengenzeka kushiyeke kusemfiliba malunga nemigaqo-nkqubo eza kulandelwa nohlobo eziza kutshintsha ngalo izinto kumacandelo apho umongameli exhomekeke kubambiswano lwabo bonke abachaphazelekayo ekuzalisekiseni izithembiso zalo nyaka.

Kungoko kulo nyaka esona silumkiso sijongiweyo kumongameli kunye nabacebisi bakhe, abanye kubo esekucacile ukuba bayayithanda inkungu egubungele uburhulumente nekukhangeleka ngathi bacinga ukuba iza kubanceda baqhubeke nokulawula kude kube ngo 2019 njengoko yabanceda bavotelwa ngabantu.

Kulo nyaka ndilumkisa ngelithi, mabangazithembi kakhulu. Kwabo benyulwe eburhulumenteni, inkungu egubungeleyo ikhokelela ekwandeni komsantsa phakathi kwabantu abazizinhanha kunye nabo bahluphekayo.

Kubavoti, inkungu ikhukhulisa umonde ngakwizithembiso ezingazalisekiswayo ezenziwa ngumongameli minyaka le.

Kwabazimisele ukubambisana norhulumente, inkungu ibangela ukubhideka nokuphosanisa ilizwe lethu namathuba otyalo-mali kumashishini nemizi-mveliso engeza nengqesho; kwabazintshaba, inkungu ikhangeleka njengethuba lokurhwaphiliza nokuxhaphaza.

Le ntetho kulindeleke ukuba ize nengcaciso eyongezelelweyo ngokomelela kwezithembiso. Ingcaciso efana nokuba mangaphi na amathuba emisebenzi aza kuvulwa kulo nyaka, ukuba asisigxina na okanye ngawethutyana, njengoko kunjalo kwi-Expanded Public Works Programme ekuhlala kumiswa ngayo njengelona phulo leenzame zokugxotha ikati eziko.

Kulindeleke ingcaciso ngekuza kwenziwa kulo nyaka ngenkqubo yokubuyisela umhlaba ebantwini kwakunye nomthamo wemali-nkxaso eza kubekelwa bucala ukuncedisana nabo bazimisele ukulima nokufuya.

Kodwa, kukhangeleka kuza kuba nzima ukuqinisekisa intsebenziswano kulo nyaka xa kuthelekiswa neminyaka edlulileyo.

Okokuqala: Kulo nyaka kusengenzeka ukuba kucace ngakumbi ukuba kukho imilenze eqhwalelayo kurhulumente njengoko abaphathiswa bengatsali ngaxhadi linye malunga nohlobo olululo lokusebenzisana kwamasebe karhulumente ekuphuculeni ezoqoqosho.

Baninzi abantu abaza kusokola ukuba kungaphinda kwenyuswe imali-ntlawulo yeenkonzo ezingundoqo eziquka umbane, amanzi, nokugutyulwa kwelindle njengoko imbalela egqubayo ibangele ukwehla komthamo wamanzi akumadami avelisa umbane.

Kwakhona, imbalela ingunobangela wokwenyuka kwamaxabiso okutya nekubeka uxinzelelo kumakhaya amaninzi axhomekeke kwizibonelelo-mali zikarhulumente ukuze atye. Kungoko kulindeleke ukuba intetho kamongameli ize nesisombululo esikhawulezileyo nesiphathekayo.

Okwesibini: Umba wokumiselwa ngokusemthethweni komvuzo we-R3,500 njengomawuhlawulwe abona basebenzi bamkela kancinci, kulindeleke ukuba utshise ibunzi njengoko oosomashishsini abakwicandelo lokwakha, ezokhuselo, nezolimo besaphikisana noku. Kukho ixhala lokudendwa kwabasebenzi ngamashishini akhalaza ngelithi awanakufikelela kulo mvuzo phantsi kweemeko ezigqubayo zokudodobala kwezoqoqosho.

Okwesithathu: Indima yobudlelwane belizwe loMzantsi-Afrika kunye namazwe aseChina naseRussia – kulindeleke ukuba ibekwe esweni njengoko kukho ixhala malunga nokwanda kwenani labasebenzi bamanye amazwe abasebenza kweli ngokungekho semthethweni.

Eli xhala lengezelelwa zizityholo zokuthathwa kwamathuba okwakha iindlela namadami ngamashishini aseChina. Athe ndii amarhe okokuba uhola wendlela ocetywayo nozakugugutha unxweme lwaseMpuma Koloni uza kwakhiwa zinkampani zaseChina nekungenzeka ukuba zize nabasebenzi bela lizwe.

Njengoko inkxaso kaMongameli Zuma neqela elilawulayo yehlile, njengoko sibonile kwiziphumo zolwenyulo loomasipala langonyaka ophelileyo.

Ukusondela esiphelweni kolawulo lwakhe lombutho i-ANC kunye nelizwe, kuzisa ixhala lokungazalisekiswa kwezithembiso ngenxa yokrutha-kruthwano ngezikhundla.

Ukuba intetho kamongameli yalo nyaka ayizi nengcaciso eyaneleyo kunye neziqinisekiso ezibambekayo ngemakwenziwe ngokubambisana ukuphucula imo yezoqoqosho nezentlalo, kungalula ukuba unyaka ogutyungelwe yinkungu ungabhabheli phezulu ngempumelelo, koko ubetheke uwe phantsi.

Kungoko silindele intetho egxininisa ukwenza ngaphezulu kwezithembiso.