Lithini ikamva labantwana bethu?

Andazi noba ndiqale ngaphi, ndingazi noba ndivuye okanye ndive kabuhlungu na. Ndiye ndigathandi ncam xa ndingenasisombululo kube kukho ingxaki efuna ukusonjululwa. Izinto endizibone nendizive kule mpela veki sisuka kuyo nendiye ndazidibanisela zona engqondweni ndakube ndive endikuvileyo zindenze ndacinga nzulu ngekamva lethu nelabantwana esibakhulisayo.

Isimo esikuso ngalo mzuzu. Ubomi babantwana bethu busesichengeni kwaye singabazali kufuneka sitshintshe iindlela zethu. Xa unomntwana ubomi abusekho ngawe qha, awenzi noba kukanjani

Intliziyo yam ibuhlungu ngabantwana esibakhulisayo, andazi kodwa inoba ndenziwa nabuhlungu kukwazi ukuba sisaqhubeka ukuzisa abantwana kulo mhlaba umhla nezolo phantsi kweemeko ezinzima. Ndingatsho nje ndithi le veki siphuma kuyo ibiyiveki yam nabantwana. Amaxesha amaninzi asibamameli simamela abazali. Lo nto abantwana banzulu.

Abantwana abaneminyaka elishumi elinesihlanu bavuthwe ukodlula thina ngokuya sasingaka ngabo. Izinto eziphuma kula milomo zingakothusa. Bendineendawo ezimane zibamba amazinyo kodwa ke bekungasekho kubuya ngamva. Kunjalo nje kuyacaca ukuba abantwana bayakulangazelela ukwenziwa abantu’oku kwabo, bamanyelwe, kuviwe intliziyo zabo qha ke bakhuliswa ngabazali abaxakekileyo.

Ezinye izinto esicinga zibalulekile ebantwaneni bethu azibalulekanga kubo. Umzekelo, kubo ixesha lokuhlala nabo sibamamele libaluleke ukodlula imali neempahla esibathengela zona. Abantwana bakulungele ukuhlala phantsi nathi sithethe, sincokole, simamele, silandelele kungenjalo sakuqabuka sekophulwe. Sakuthi sibaphutha phutha babe befumene abantu abazobamamela phandla’pha babafundisa neemfundiso ezingatshongo khona. Ixesha liyinto yonke bethuna.

Iminyaka emininzi bendinentliziyo ngabazali abakhulisa abantwana bodwa (andikayeki) kodwa ngoku kukho nento yoba abantwana nabo banemicelimngeni yabo engeyiyo eyabazali. Nto leyo iye indenze ndikholelwe uba banoba bona basola thina bazali ngeemeko abakuzo. Ngoba khange bazikhethele ukuzalwa sithi phantsi kweemeko esibazalele kuzo.

Inyani emsulwa yeyoba kubantu abanabantwana bambalwa kakhulu abanesakhono sokukhulisa abantwana. Isininzi sisadinga ukukhathalelwa sona kuqala. Umntwana oneminyaka elishumi elinesihlanu undixelele uba umama wakhe akamazi uphelele ukumbona ezifotweni. Xa ndibuza, uthi waye wayokwenda washiyeka yena notata wakhe. Ndlela le akunxanelwe ngayo ukumbona, nokuva uba kunjani ukuba nomama.

Uthi kum, noba angadibana nomntu othi ucela ubangumama wakhe angavuya kakhulu. Apho ahleli khona imeko ayintlanga. Oneminyaka emihlanu yena ndifumanise uba usakhumbula izinto ezenzeka kuye eseneminyaka emithathu, ezingemandanga. Ndatsho ndacinga indlela esenza ngayo izinto nesithetha ngayo phambi kwabantwana kuba sicinga abantwana basengabantwana akukho nto bayivayo okanye bayiqondayo.

Abeli xesha abafani nathi kuzofuneka siziqhelise lo nyani ikrakrayo. Phofu nathi, zikhona izinto esimane sizikhumbula noba iinkumbulo zimfiliba, ezinye zezo zinto zinendlela yazo yokuvela ngoku sesibadala. Akululanga kona uba kule ndawo bakuyo aba bantwana beli xesha, nam ndisenezinto ekunzima ukuzicacisa ngenxa yokungadibani kwamaxesha esikhule ngawo. Sizobasathini ke?

Kuyo yonke lo nto yobanempelaveki esebenzise umphefumlo ndiye ndafunda uba, xa ungumntu osebenza nobhala ngezinto zasekuhlaleni, abantu abaphila phantsi kwazo umhla nezolo kufuneka usondele apho abantu bakhoyo. Ezinye izinto esizifundayo nesizivayo ngelinye ixesha ayizizo ezi zenzekayo ngaphandle kokuba umntu aziphe ithuba ahlale nabantu, ave abantu uba baphila njani. Asizukwazi ukunceda singazi uba abantu badinga ntoni. Ngelinye ixesha ayisithi abazoza nesisombululo kodwa abo banako ikhona into abangayenza.