Liyintoni ixabiso lentombi?

Bendikhe ndahlala namadoda athile komnye umsitho ezincokolela iindaba zawo. Noko ibingengawo amaxhego la, ibingamatyendyana aseselutsheni ngokweminyaka yawo.

Enye yezinto ebincokolwa apho iye yandikhubekisa kakhulu, kodwa ke ndahlala kuba ndiyifuna yonke le ngcombolo yaba bafo. Bathe bakugqiba ukuthetha ndashiyeka ndinombuzo wokuba kweli xesha siphila kulo liyintoni na ixabiso lomntwana oyintombazana? Ingaba liyalingana na nelo lomntwana oyinkwenkwe okanye kukhona apho kohlukwa khona?

Le ncoko iqale xa omnye wala madoda evakalisa ukuba ungutata omtsha wosana oluyinkwenkwe. Kuye kwavuyiswana naye ke kusithiwa wenze kakuhle wazala indlalifa. Ngamazwi ebesetyenziswa pha kuye kwacaca ukuba olu sana beluyintombazana ngekungavuyiswana naye ngolu hlobo.

Omnye ke ude wavela lubala ukuba umntwana oyindodana kutata wakhe unexabiso elikhulu kunoyintombazana. Isithethi eso siye sacacisa ukuba inkwenkwe yiyo ezakwandisa igama nomnombo walo mfo, oyintombazana yena eyona nto anokuyenza kukuzisa iinkomo ngexesha elifanelekileyo.

Le ncoko ibingandothusi ncam ngokuba kudala isintu sanembono enje, eyona nto indenze ndadana yeyokuba bonke aba bafo isengabantu abangekafiki kwiminyaka engamashumi amathathu anesihlanu. Bendicinga mna le ngcingane yafa noobawomkhulu bethu, kanti akunjalo. Xa ootata abasakhulayo bengaliboni ixabiso labantwana babo abangamantombazana ithetha ntoni lo nto ngekamva lethu?

Mandilikhuphe licace elokuba bubuvuvu obudibene nobuyatha ukucinga ukuba umntwana wohlukile ngexabiso komnye ngenxa yesini sakhe. Wonke umntwana uyalingana nomnye, kwaye namalungelo abo ayafana, nqwa nexabiso labo ebuntwini. Inokuba yile ngcingane le yenza ukuba izinga lokudlwengulwa nokuxhatshazwa kwabantu basetyhini liye lisenyuka.

Umntwana oyintombazana ngoyena bekumele ufumana inkuselo ekwinqwanqwa eliphezulu kutata wakhe ngokuba ihlabathi ngoku linoburhalarhume ngakwisini sasetyhini kakhulu.

Ithi ke yonke le nto kufuneka thina singamadoda sinqandaneni kwiingcinga neembono ezigwenxa ngalo mba.

Ukuba isizwe sakwandoda asinqandani xa siphambuka endleleni, mninzi umonakalo esiza kuhlangana nawo ngaphambili.

Masifundise oonyana bethu ukubakhusela oodade babo, sifundise iintombi zethu ukuba ziqiniseke ngeziqu nezakhono zazo.

Akukho nto ibukeleka ingathi ngumntwana oyintombazana ozithembileyo noyaziyo ukuba inkxaso yonke ayidingayo uyayifumana kutata nakoobhuti bakhe, lo nto imenza angaqhatheki lula nakwaba nqalintloko bangoozungulichele phaya phandle.

Ngokwezopolitiko, isizwe sikulungele ukukhokelwa ngumntu wasetyhini, nakwezoqoqosho emisebenzini abaphathi basetyhini benza izinto ezincomekayo, nasekuhlaleni maninzi amakhaya ondliwa ngoomama kuphela ngokuba ootata bafe bethwele umnqwazi.

Ithi lo nto, ukuba nam bendinokhe ndifane naba bafo bebencokola ndikhe ndithethe ngokwesidenge ndingathi umntwana oyintombazana ngoyena unexabiso elikhulu kunalo uyinkwenkwe, noxa kungenjalo nje.

Masibakhulise bonke abantwana bethu ngokulinganayo, sibanike ilifa eliyimfundo ngokulinganayo, ngokuba ngoku onke amathuba akhoyo avulekele wonke ubani nokuba usini sini na. Masibathande bonke ngabethu.