Liza kuqhuba uhalala ityala likaOmotoso

Undabamlonyeni womfundisi uTimothy Omotoso ebobotheka kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi ngoLwesibini umfanekiso: Mpumelelo Matwa

Limiselwe umhla wamashumi amabini anesine kwinyanga yoMdumba ityala loMfundisi ongundabamlonyeni webandla elaziwa njengeJesus Dominion International (JDI) uTimothy Omotoso obevele ngokufutshane kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhayi ngoLwesibini.

Ochophele eli tyala, uJaji Irma Schoeman, uthe eli tyala liyakuqalisa ngalo mhla ukulungiselela amangqina aza kube emi emkhumbini etyabeka lo kaOmotoso, emtyhola ngezenzo zokungcola awazenza kuwo ngethuba ayekunye nalo mfundisi kwindawo ezahlukeneyo zeli loMzantsi Afrika nangaphandle kwelizwe.

Lo mfundisi wabekwa malunga namashumi alithoba anesixhenxe amatyala yiNkundla kaMantyi wale ndawo, matyala lawo aquka ukuthimba, ukunanisa nokudlwengula abantwana abangamantombazana abangaphantsi ngeminyaka kwanokuba namaphepha omgunyathi okungena kweli lizwe.

UJaji Schoeman uqinisekisile ukuba ukuqalisa kokuthethwa kweli tyala kuyakuqhuba uhalala kude kube sekuqukunjelweni kwalo.

UPeter Dauberman oligqwetha likaOmotoso nabamangalelwa bakhe uZukiswa Sitho noLusanda Sulani, wazise inkundla ukuba yena akazi kubakho kule nkundla ngomhla weshumi elinesithandathu ukuya kowamashumi amabini anesine kwinyanga yoKwindla.

Le nkundla iya kuthi xha phakathi kwezo ntsuku ukulindela ukubuya kwakhe.

isibhalo@inl.co.za