Lumkelan’ iingcuka ezambeth’ufele lwegusha

Ndifikelwa sisif’esingonwabisiyo, Isifo sexhala noloyiko, Zonakel’ izinto kuphel’amathemba, Sifikelwe ziintshaba zasigqiba umdla, Sawuphekuza sincame kuba iintshaba zethu zifana noohodoshe, Zizimele ngebhayibhile kwaye zinamandla, Buya Nkosi Yesu! Konakel’ ezants’ emhlabeni.

Kazi sobheka phi na Thixo? Xa izidlwengu zigcwel’ezinkonzweni, Sithi sikhokelwe kanti siyakhonyelwa, Sibanjwe ngesixhant’ akukh’ ukuxhathisa, Akungabo bonke abefundisi abashumayel’ izwi likaThixo abangabakhonzi, Bambi basithele ngaYe kodwa bakhonz’ uSathana, Siding’ amandla okudiliz’ iintaba zobudlwengu, Siding’amandla okubuyis’ubuntu kubhang’ ubunja, Siding’ amandla okuvul’ iingqondo zethu sizibone iinkonzo zokwenene nezomkokotelo, Siyeke ukuba ngoodludlanazo nokuthand’izinto. Sikrotywe ngapha kwengqondo ngabefundisi-mbumbulu.

Masizikisis’ ukucinga, sizingis’ ukuthandaza, Simthemb’ uThixo singamthengi, Awukh’umlingo ongakuphilis’ ungaveli kuThixo, Masingathand’ iindlela ezinqumlayo, Siyaqakatha kwathina siyambhidisa lowo wasifelayo, Siluma sivuthela kodwa siyawubon’ umhlola, Abefundisi bobuxoki mababhangiswe, Asizuqhushek’ iintsana zethu phantsi komhlab’ aziyombewu, Kuba sikhohliswa ngabantu abathi bathunywe nguThixo bexoka, Khalimani zinceku nal’ igama lenu lirhuqwa ngootsotsi bentsul’eludakeni.

Sixakekile mvanje siluma sivuthela, Siyabhala siyacima, iintsana zethu zenziw’ oonongogo, Nabany’abazali bahlanjw’ iingqondo, Ngubani owakhe waphiliswa ligazi lenja? Sithwetyulwe kusini na le nto singaqiqiyo? Sithumel’amatwin’omthetho asizingelel’ iinyamakaz’ ezimanqina-mabini, Iziqhu zamaqabane ziqhawulwe iminqambulo, Imisila yangaphambil’ emadodeni mayilawuleke, Kwaba ngasa saxoxa ngobudlweng’ ezinkonzweni.

Uthuleleni Thixo ilizwe lisonakala? Wabukela sisenziwa amaqhula? Siyintlekisa kweziny’ izizwe, Isono sethu kukuthand’ izinto kusini na? Ingaba kukufika komgwebo okanye kukhula isigezo? Amanyange ingaba awazibon’ iinyembezi zethu xa siyekelelwe nguThixo, Naku sitshabalala isizwe sijongile, Yizani namacebo esingachana ngaw’ ucwethe, Iingqondo zabany’ abantu zigqwethekile, Intsindiso bayingena ngenyaw’ ezinodaka, Lumkelan’ iingcuk’ ezambeth’ ufele lwegusha, Sibuyele kwiicawe zookhokho siyeke oomavuk’engceni, Sesibonile kwaye safunda kwiimpazamo zethu, Oneendlebe zokuva makeve!