Luxanduva lweeNkosi ukuyala amakrwala

UNkosi Ngangomhlaba Mathanzima, ingwevu yekhaya uCardo Maneli noyise wamakhwenkwe uSamuel Maneli

UNkosi Ngangomhlaba Mathanzima akavumi kuthatha umhlalaphantsi nanjengoko esachitha ixesha lakhe ejikeleza eyala amakhwenkwe abuya esuthwini.

Eyala amakhwenkwe emaQocweni, kwaManeli eMtsheko, eCacadu, umemelela ukuba iiNkosi zithathe uxanduva lokuyala abantwana ababuya esuthwini.

Lo kaMathanzima ubenguye okhokele inkqubo yokuyalwa kwamakhwenkwe asemaQocweni emva kokusabela isicelo seli khaya ngenjongo zokwakha amadoda.

“Lisiko lidala ukuba amakhwenkwe ayelwe ziiNkosi okanye iiNkosi zithumele umntu othile onegunya elithile ukuba aye kwelo khaya iNkosi ibizwe kulo, oku kubuyisela isidima kwisiko lolwaluko elisele lidlakadlaka ngenxa yezi ngxaki zikhoyo,” utsho uNgangomhlaba.

Uyise wamakhwenkwe uSamuel Maneli uthi ukubone kufanelekile ukuba iguquke indlela ayalwa ngayo amakhwenkwe ukuze kwakheke abantu bokwenene.

“Ndimeme eli gxibha lakwaMathanzima kuba ndinqwenela ukuba la makhwenkwe angxoliswe ngumntu oyaziyo, ongumzekelo, oyiphilayo le nto yokuba indoda kumele iziphathe kanjani,” uthethe watsho umQoco.

UNkosi Ngangomhlaba Mathanzima uthi akaphumli ngenxa yokumenywa ngamakhaya ahlukeneyo emcela ukuba aye kuyala amakhwenkwe kwiimbombo zone zeli phondo.

“Phambi kokuba ndize apha bendiyala amakhwenkwe kaNkosi Ngonyama eMthatha, ngoku ndilapha eMtsheko, ukusuka kwam apha ndiya kuyala amakhwenkwe eRwantsana, kuyavuyisa ukubona iintsapho ziluthatha uxanduva lokuguqula indlela ekuyalwa ngayo abantwana,” ucacise watsho uMathanzima.

INkulumbuso yeli phondo uLubabalo Mabuyane yena uyale amakhwenkwe akwaMongoata eSt Paul eMatatiele ekunye neengwevu zeli khaya nabahlali. Amakhwenkwe akwaMongoata ayinxalenye yamakhwenkwe akumawaka amabini anesibhozo abeluke kwingingqi yaseMatatiele.

Othethe egameni leOfisi yeNkulumbuso, uMvusiwekhaya Sicwetsha, uthi amakhwenkwe ale ngingqi yaseMatatiele aluke ngale nyanga ngenxa yokubaleka ingqele ezimandla ebusika kwiingingqi ezingqonge iiNtaba Zokhahlamba.

IMpuma Koloni ibhujelwe ngamakhwenkwe angamashumi amabini anesithathu ngexesha lolwaluko lasehlotyeni kunyaka ka2019. Ikomishini ejongene nokukhuselwa kwamasiko neelwimi kweli imemelela iinguqu ezimandla kweli siko eziquka ukunqunyanyiswa kwalo.

UGqirha Mbuyiselo Madiba uphakathi kooGqirha abamemelela ukuba kwenziwe inguqu equka ukumiswa kwesiko, okanye kusetyenziswane phakathi kooGqirha baseNtshona, amakhankatha neengcibi.

UMathanzima uthi iingxaki ezambethe intlalo zakusonjululwa kukwakhiwa kwamadoda angawo esuthwini naxa sele ebuyile ngokunika imfundiso eyiyo.

“Ukuphuma kwam kwiNdlu yeeNkosi eBhisho ndishiye umqulu onokwenza izifundo ezipheleleyo kubakhwetha, amakhankatha neengcibi ngokunjalo,” utsho uMathanzima.