Mabahoywe nabo abantwana abangabafana

“Molweni. Igama lam ndinguKarabo, ityendyana lomfana othanda ukubukela inkqubo yenu kumabonakude. Ndiyayithanda le nkqubo kuba inemfundiso ngezinto ezenzeka mihla le ebomini bethu, noxa nje yona ijoliswe kumagqiyazana angoontanga bam.

Ndiyakuthakazelela oku, kuba ngaphandle kwamathandabuzo amagqiyazana ayazindiga iinkqubo ezinengcebiso ezakhayo. Kodwa kunjalo, njengomfana obukela le nkqubo, mna ndibona ngokungathi thina sisoloko sishiywa ngasemva; kungoko bendingathanda ukuba kwezinye zeziqendu ezilandelayo ningasiphathela iingcebiso ezijolise ukusakha nathi lutsha olungabafana.

“Ndicinga ukuba oku kuyakuba yinzuzo kuthi, ingakumbi xa ezi ngcebiso sizinikwa ngabantu abangoo sisi noomama, njengani babhexeshi benkqubo, kuba abanye bethu sikhula siziingxwelerha zokuxhatshazwa, sikwangabo nabenzi bobubi nesithi sixhaphaze amanina sakukhula.

“Okwangoku, endikubonayo kukuba iinkqubo ezininzi ezikumila kunje kumabonakude nasekuhlaleni zijolise kumagqiyazana odwa, kodwa uninzi lwabo baxhaphaza amanina ikwasithi bafana namadoda; kodwa asixhotyiswa sisebancinci ukuba masiziphathe njani, nokuba masibaphathe njani oontanga bethu abangamantombi njengabalingane bethu, kuquka oosisi kwakunye noomama bethu.

“Ndicela ningaboni lo myalezo njengesikhalazo, kuba ndiyayiqonda mhlophe into yokuba kutheni nijolise ukuxhobisa nokuphucula ubomi bamagqiyazana kakhulu. Enkosi.”

Le yenye yeembalelwano esasivamise ukuzifumana iveki ne- veki kweminye yemibutho yesisa emikhulu, nalapho ndaxelenga khona iminyaka emithathu de ndabe ndizibeka phantsi iintambo kulo nyaka uphelileyo. Le nkqubo uKarabo athetha ngayo kule mbalelwano yayibizwa i”Rise”, idlala kwelinye lamajelo osasazo likamabonakude eSABC nyakenye. Le nkqubo yabakho emva kokusungulwa kwephulo lasekuhlaleni nalo elalibizwa “Rise” kumaphondo amathandathu eli. Ndandikhe ndabhala kwithuba elidlulileyo ngale nkqubo, ukanti nephephandaba lethu I’solezwe lesiXhosa lalisizisela iindaba ngokwenziwa ngamagqqiyazana awaweyinxalenye yale nkqubo kwiindawo ngeendawo apha ephondweni.

Njengoko kuLwesine odlulileyo ndiye ndazityand’ igila ngesikrokro endinaso ngomkhankaso ocetywayo wokulwa ukusuleleka kwamagqiyazana sisifo sikaGawulo, ndithe ke kule veki makhe ndiveze nelinye icala kule ngxoxo; kungoko ndicaphule le mbalewano ingentla kaKarabo. “Ziza nini kuthi lutsha olungabafana iinkqubo ezikumila kunje?” Yonke indawo esasiyityelela kweli ngeliyokusungula iRise ekuhlaleni, kwakusoloko kukho iqaqobana labafana elalithanda ukulunguza ngaphandle kweholo loluntu okanye isikolo ekwakubanjelwa kuyo le misitho, lisibuze lo mbuzo.

Ngenxa yokuxhaphaka kwalo mbuzo, ndikhumbula sixhotyiswa ngabaphathi bethu ngendlela eyiyo yokuwuphendula nokucacisa banzi. Xa ufunda la mbalelwano kaKarabo ingentla, uyabonakala ngokwenene ukuba ebengaphoswa yila nkqubo kamabonakude, kuba kwakwisiqendu sokuqala, ababhexeshi bayicacisa zisasuka injongo yokuba nenkqubo nephulo elijolise kumantombazana kuphela.

Kuba ndandingomnye wabantu ababethwaliswe uxanduva lokunxibelelana nababukeli xa sifikelwa yimbalelwano, ndama nematha ndakufunda la mbalelwano kaKarabo, ndingazi ukuba ndizakuqala ngaphi ukumphendula. Ukuba kwakusiya ngam ke, impendulo ngendayibhala ndathi:

“Karabo, siyabulela ngembalelwano yakho nenkxaso osinika yona njengombukeli wenkqubo yethu. Eneneni andifuni kugxobha nalinye kula uwabhalileyo, kuba yinyani emsulwa yodwa le uza nayo.

Xa sele ndikuhlebela, mna siqu, ndikholelwa ekubeni nayiphi na inkqubo ejolise ukuphuhlisa amagqiyazana soze ibe namiphumela incumisayo ukuba abafana nabo abaphuhliswa okanye baxhotyiswe ngokufanayo.”

Kodwa njengamntu owayeqeshelwe ukulandela imithetho nemigqaliselo yasemsebenzini, le mpendulo ngeyayibeke umsebenzi wam esichengeni. Ndinesikrokro ndinjalo, kodwa mandithembe ukuba kwesa sixa seebhiliyoni ezintathu zesebe lezempilo, abafana abanjengo Karab nabo bazakude baxhamle.