Mabangaphathwa ngabafazi abakhwetha esibhedlele

Usihlalo wekomiti encedisana nesebe lezempilo kwiingxaki zabakhwethwa kwisithili saseJoe Gqabi, uMokgethi Matiea, uthi abavumelekanga abongikazi abangamakhosikazi ukuba baphathe abakhwetha xa bengeniswe esibhedlele.

Oku kuvele ngethuba kumiselwe ngokusesikweni ixesha lolwaluko lasebusika eMonti ngoMvulo wale veki. “Sinoxanduva lokuqinisekisa ukuba nokuba ingxaki injani kodwa isiko lona malingakhe lilahlekelwe sisidima salo, urhulumente makakhangele abongikazi abangamadoda ukwenza lo msebenzi ukuze isiko likhuseleke,” uthethe watsho uMatiea.

Isithili saseJoe Gqabi sesinye kwezo esithe sabhujelwa ngabakhwetha abathathu ngexesha lolwaluko lwasehlotyeni kunyaka ophelileyo. “Abongikazi abangoomama abalazi isiko, yonke le nto iphinde ibuye kwasezingqondweni zaba bantwana emva kokuba bethe basetyenzwa ngala makhosikazi phaya esibhedlele, siyacela mabangaphathwa ngabafazi abantwana esibhedlele.”

Ukunqongophala kwabongikazi kubangela ukuba abo bangamanina benze lo msebenzi wokujonga abakhwetha.

Ingxelo yeSouth African Nursing Council ithi ngamashumi alithoba ananye amawaka abongikazi abangamanina kweli, logama amadoda bengamawaka amahlanu kuphela.

Emva kokuxakwa kwamadoda eSuthwini, abakhwetha babalekiselwa kwisibhedlele okanye kumaziko ohlangulo kwiindawo ezahlukeneyo zeli phondo. Abongikazi abangamadoda abonelanga, kumele ukuba abangamanina bathathe inxaxheba kuncedwe abantwana bangabhubheli esibhedlele.

UNkululeko Nxesi weCODEFSA uthi makukhathalelwe impilo yabantwana ngaphezu kwazo zonke izinto.

“Kuqala ebefuna ntoni umkhwetha esibhedlele ukuba ngoku sizakulawula ukuba makaphathwe ngubani, angaphathwa ngubani, sonke siyalihlonipha isiko kodwa impilo yaba bantwana ihamba phambili,” utshilo uNxesi.

Uthi ngenxa yokunqongophala kwabongikazi abangootata, kumele ukuba amanina asebenza nje ngabongikazi, anikwe ithuba lokuba enze umsebenzi wokukhusela abakhwetha ngaphandle kwengxaki.

Ukanti uMxolisi Dimaza osuka kwikomiti ejongene nezempilo epalamente eBhisho, uthethe wenjenje. “Ezinye izibhedlele kwa indawo yokungena yabakhwetha yenziwe yayodwa, ezinye sele zinabo abongikazi abangamadoda abajongene nalo mcimbi, noogqirha kanti, akwaba bekunokubanjalo kwiphondo ngokubanzi,” utshilo.

Imbumba Yamakhosikazi Akomkhulu ithi ayiboni ngxaki kule mbono kaMatiea ethi mabangaphathwa ngabafazi abakhwetha esibhedlele.

Olilungu lekomiti elawulayo kwiIYA, uNkosikazi uNosandi Mhlawuli, uthi makuthathwe amanyathelo ngurhulumente. “Aba bantwana balandelwa lityheneba elibi xa bethe baya esibhedlele, ngoko ke masincedisane nabo ngokuthi urhulumente ongeze inani labongikazi abangamadoda kwizibhedlele zeMpuma Koloni.” Ikomishoni ejongene nokukhuselwa nokuphakanyiswa kwamasiko, izithethe, iinkolo neelwimi zeli, iqhube uvavanyo-zimvo eMpuma Koloni nakumanye amaphondo malunga nokubhubha kwabakhwetha.