Mabuyane: ‘Ndiyihlawule iR450 000’

Ufungisiwe njengeNkulumbuso yeMpuma Koloni uOscar Mabuyane kwiPalamente yePhondo eBisho

INKULUMBUSO entsha yaseMpuma Koloni uOscar Mabuyane ubhengeze ukuba uyihlawule imali engange-R450 000 awayeyiboleke kusomashishini kwanonoNondyebo weANC ephondweni uBabalo Madikizela, esithi oku kukwenzela ukuba aqale urhulumente ngendlela ecocekileyo.

Ethetha emva kokufungiswa kwakhe eBhisho izolo, uMabuyane uthi uthethe nebhanki yakhe ukuze ahlawule uMadikizela.

UMabuyane ukuthethe oku emva kweengxelo zamaphephandaba zokuba kwahlawulwa imali engange-R450 000 kunokontraka wokulungisa indlu yakhe eseMonti.

Iingxelo zithi uMabuyane wabolekwa imali nguMadikizela ekuvakala ukuba yayifunyenwe ngondlelamnyama kumasipala waseMbizana, ibango aliphikayo uMabuyane. Le mali yahlawulwa kunokontraka wokulungisa indlu ngusomashishini uLonwabo Bam, obengumhlobo kaMadikizela.

EBhisho izolo, uVeliswa Mvenya, olilungu leATM kwiPalamente yephondo, ucele uMabuyane ukuba awucacise lo mba wezityholo zobuqhophololo ezityatyekwa yena, esithi oku kuza kumnceda ukuba aqale urhulumente ongenachaphaza.

Iingxelo zithi enye yale mali ekurhaneleka ukuba ibhunyulwe eMbizana, yathenga imoto yohlobo lweBentley.

“Ndithe ndakuva ngemoto ekuthiwa yiBentley, ndangena kuGoogle ndifuna ukuyijonga ukuba yinto enjani, wandicacisela uGoogle. Kodwa ndiyafuna ukuxelela abantu beli phondo ukuba azibobunyani iingxelo zokuba kubiwe imali kumasipala waseMbizana. Ezi ngxelo zijolise ekundigqwaliseni. Inyaniso iza kuvela ngenye imini.

“Isivumelwano sam nogxa wam (Babalo Madikizela) ebesisenze bucala, sele sigqibe kwelokuba sisiququmbele ukuze siqale ukwenza umsebenzi wokusebenzela abantu baseMpuma Koloni,” utshilo uMabuyane.

“Siza kusungula iintsuku ezilikhulu zokuqala umbuso wephondo, ukuze sinike ingqwalasela kwiimfuno zephondo. Into yokuqala kukuqinisekisa ukuba urhulumente uyasebenza, abantu bafikelele kulwazi nakwizinto abazifuna kurhulumente,” utshilo uMabuyane.

Ngokweengxelo, le mali yinxalenye yemali ekuvakala ukuba ibhunyulwe kuMasipala waseMbizana, kodwa uMabuyane uyakuphikisa oko noxa nje esithi kuza kuqhutywa uphando malunga noko.

Noxa nje uMabuyane emile kwelithi waba nesivumelwano sabucala noMadikizela malunga nale mali, amaKomanisi aseMpuma Koloni akaboni ngolo hlobo.

Isithethi samaKomanisi ephondweni uSiyabonga Mdodi uthe: AmaKomanisi azithabathele ingqalelo ezi ngxelo, kuba zenzeka kwixa apho sikwinkqubo yokuvuselela ilizwe kwanombutho wethu (ANC). Eli xesha lifuna wonke umntu embuthweni asebenze kwaye azibonakalise ngezenzo ezibangela intembeko kwiANC.”

“SingamaKomanisi simemelela kwihlakani lethu iANC ukuba iqwalasele lo mbandela kwaye ithabathe amanyathelo. Sikwamemelela kwiANC ukuba isebenzise inkqubo yayo yangaphakathi efana neKomishini yobuNyulu (Integrity Commission) ukuqinisekisa ukuba amaqabane abandakanyekayo anikwa ithuba lokuchaza elawo icala. Oku makwenziwe ngokuhamba nezindululo zenkomfa yeANC (eNasrec) zokuzihlaziya eluntwini kuqanyelwe ngoburhulumente obungenachaphaza.

“SingamaKomanisi sikuluvo lokuba ukungathabathi manyathelo kulo mba kwakuba kuyakhabana nemigqaliselo yomqulu wezithembiso weANC kuquka nokuzinikela ekulweni ubuqhophololo kwanesikhokelo esikwaziyo ukuzibhenca eluntwini,” utshilo uMdodi.