Mabuyane: ‘Ubumpatha buza kuphuma nodlolwazana’

OOMASIPALA ayisosigqubu sendlalo, ubumpatha nobu-athalala buza kuphuma nodlolwazana kumagosa angenzi umsebenzi ngendlela.

Esi sisilumkiso esikhutshwe yiNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane ngethuba esenza iNtetho engoBume bePhondo eBhisho ngoLwesibini. Bekukhala ibhungane kwiNdlu yoWiso Mthetho engekho amalungu ePalamente yephondo ngenxa yeCovid-19. Ukanti neendwendwe eziqhele ukumenywa, bezingekho. Nokutya kwanobuqheleqhele obuqheleke xa kusenziwa intetho efana nale, bebungekho.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane exhawula uSomlomo uHelen Sauls-August UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

UMabuyane uthi noxa nje iphondo lijongene nobhubhane weCovid-19, kodwa lizimisele ukuvuselela uqoqosho oluthwaxwe nangakumbi kukufika kwale ntsholongwane, ze kudaleke imisebenzi.

Kodwa ukwatyityimbisele umnwe amagosa kamasipala ephondweni esithi “ixesha lokuhamba sidlala sithunyiwe, liphelile”.

“Siyabacela ooSodolophu, siyabacela ooceba, siyabacela oomanejala. Makungayodlalwa kwamasipala. SiyiOfisi yeNkulubaphathiswa, iSebe lezeMali neSebe leNtsebenziswano kuRhulumento (Cogta), ngoku siza kuluma ongezantsi. Uza kuzazi xa kuthwa unguceba ukuba uyintoni, uza kuzazi xa kuthwa unguSodolophu ukuba uyintoni.

“[Uza kuphela] lo qulukubhode simbonayo apho umntu efuna ukwenza uxanduva engelolwakhe. Oomasipala benzelwe ukusa iinkonzo eluntwini,” utshilo uMabuyane.

INkulubaphathiswa uOscar Mabuyane UMFANEKISO: MANDLA NDUNA/ EC OTP

UMabuyane ukwalumkise amagosa eSebe loZinziso loLuntu esithi “ubumpatha nobu-athalala” obenzeka kwela sebe “buza kuphuma nodlolwazana”. Uthi ayisoze yamkeleke eyokubuyiselwa kwemali kurhulumente kazwelonke ngenxa yokuba ingawenzanga umsebenzi wayo wokwakha izindlu ephondweni.

Ethetha malunga neCovid-19 kuquka nonxunguphalo elushiya ngasemva, uMabuyane uthe: “Abadala bathi emva kwesitshingitshane semvula, ayawutha amanzi, emva koko kumiliseleke ithemba.”

“Xa ujonga imbali yephondo lethu sidlule kwizitshingitshane eziliqela, ingakumbi esengcinezelo nocalucalulo. Saphumela ngapha kwazo ngenxa yegalelo loonyana neentombi zeli phondo abazijula ijacu, bazenza amadini okusiweza kuzo.

“Siyalibona lona ilitha elikhanyisayo, neliyimbonakaliso yokuba akusekudala ngoku siphume kulo bhubhane weCovid-19. Kodwa simanxebanxeba. Eyona nto ibuhlungu esenze yona le ntsholongwane yeCovid-19, yeyokusisubela imiphefumlo emininzi yabantu bephondo lethu. Ndime apha nje namhlanje (Lwesibini, 23 kweyoMdumba) kungosizi novelwano ukuvakalisa ukuba siphulukene nemiphefumlo yabemi bephondo lethu abayi-11 213,” utshilo uMabuyane.