Mabuyane: ‘UGomba uzamile, ufikelwe nje lilishwa’

INKULUBAPHATHISWA uOscar Mabuyane uthi uSindiswa Gomba, nathe wamgxotha ngoLwesine emsebenzini wakhe, ebesiza kakuhle nomsebenzi wakhe equbisana neengxaki zesebe lezeMpilo.

“Ibelilishwa nje le nto yale ngxelo yeSIU (Special Investigating Unit). Phantsi kweemeko ezinzima, uMphathisw’ uGomba uzame kangangoko anako. Usebenze nzima kakhulu kuba zininzi iingxaki zela sebe. Ebesiza kakuhle, equbisana neengcambu zeengxaki zela sebe. Kungelishwa ukuvela kwento efana nale (ingxelo yeSIU),” utshilo uMabuyane ethetha neentatheli eBhisho ngoLwesine.

UMabuyane ukwaqhwabele izandla uGomba esithi “ndiyambulela ngomsebenzi awenzele abantu bephondo”.

UMabuyane uthi kusemdleni kaGomba wokuba akhululwe lisebe ukuze ajongane kakuhle namatyala wakhe.

“Emva kokuba ndiye ndafakana umlomo noMphathiswa (Gomba), ndikwelithi ela sebe (lezeMpilo) lifuna sijongane noxanduva elinalo ukuqinisekisa iinkonzo ezingenachaphaza nezisulungekileyo, zisiwe eluntwini ngokukhawuleza.

“Silapha sizokuthi, ebekusikuxelelwe yiANC ethi masilwe norhwaphilizo kwanokungaziphathi kakuhle emsebenzini, siza kwenza. Xa uthe wophula imithetho ethile eburhulumenteni, njengoMphathiswa (uGomba), kuye kunyanzeleke ukuba uchaphazeleke (uthiwe gu bucala),” utshilo uMabuyane.

UMabuyane ubeke uXolile Nqatha njengebambela endaweni kaGomba. Uthi umntu oza kungena endaweni kaGomba uza kubhengezwa kungekudala. UGomba uza kuhlala elilungu (MPL) lePalamente eBhisho.