‘Makabanjwe umrhanelwa okanye kuza kutsha ibhayi!’

“Ingaba le mingcelele ibanjwa rhoqo xa kubulewe omnye wethu makhosikazi inalo ifuthe kwisigqibo esithathwa ziinkundla ekugwetyweni komenzi wobubi, okanye sibonakala njengabo bahambisa ixesha bangenanto yakwenza?” Lo ngumbuzo azibuze wona amanina emibutho ephikisayo kuquka nemibutho engenanto yakwenza norhulumente ngethuba engungelene kwidolophu yaseMthatha ngoLwesithathu, esingise kwisikhululo samapolisa efuna iimpendulo malunga nezityholo zokuba esa sikhululo sinobuqhophololo, kwaye amatyala ajongene nokuphathwa gadalala kwamakhosikazi kuquka namadoda awahambeli ndawo. Amakhosikazi athi umthetho mawubancedise kuba umrhanelwa ubanjwa namhlanje, ngomso aphume, okuthetha ukuba abakhuselekanga.

Oku kushukunyiswe sisenzo sokudutyulwa kubulawe uNamhla Mtwa, 35, ngethuba engena kowabo eSidwadwa ngomhla wama21 kwinyanga ephelileyo, edutyulwa ngumntu okanye abantu abangaziwayo nabangekabanjwa kunanamhla.

Emva kokuba kungade kubanjwe mntu ngamapolisa, ozalwa noNamhla, uSanga, nobekwe kwindawo ekhuselekileyo sithetha nje, waveza kumakhasi onxibelelwano iividiyo, iincoko kwakunye nemifanekiso kaNamhla ebokoboko, ebethwa yindoda awayencuma nayo nesele ingumrhanelwa ophambili ngoku kweli tyala nengekabanjwa nayo. USanga wadiza ukuba injongo yokuveza oku kungokuba kudala umntwana wakowabo engcungcutheka esaphila, ngoku kunzima ukubanjwa komrhanelwa.

UNomvula Mokonyane noyintloko yamaphulo ombutho olawulayo iANC, obeyinxalenye nalo mngcelele ububanjwe ngoLwesithathu, uthi ngoku abakufunayo kukubanjwa komenzi wobubi nokuba ngubani. Uthi sekusaziwa ngoku ukuba ixhoba belixhatshazwa, ubungqina bukhona, kwaye abasekho kweyokuba ixhoba khange livule tyala lokuxhatshazwa. Uthi makubekho into eyenziwayo kwaye amakhosikazi mawathethe ngazwilinye abumbane.

UMokonyane uthi maninzi amanina avele ngaphambili izolo esithi amatyala abawavula kudala kwesa sikhululo awahambeli ndawo.

INkulubaphathiswa yaseMpuma Koloni, uOscar Lubabalo Mabuyane, ukhuphe imbalelwano ngempelaveki ekubeni amapolisa mawakhawulezise enze uphando ngokukhawuleza kwaye babanjwe abo babandakanyekayo kwisenzo sokubulawa kwanokuphatheka gadalala kukaNamhla. Esithi zingaphelanga iiyure ezingama24 kodwa ezo yure zadlula, umrhanelwa akakabanjwa nangoku.

“Othile ufanele ukuphendula ngokubulawa kwamakhosikazi asematsha kweli phondo. Kwaye sifanele ukufumana neempendulo kwimifanekiso yeGBV endanda kumakhasi onxibelelwano,” utshilo uMabuyane

USihlalo weEFF eMpuma Koloni uYazini Tetyana, uthi injongo kukuba ilizwi labo bengumbutho weEFF lifikelele kuye nabani na oseMpuma Koloni. Uthi bafuna nokufumana impendulo emapoliseni malunga nokungade kubanjwe umrhanelwa malunga nokubulawa kukaNamhla. Uthi iGBV yinto enkulu kwaye embi efanale ukuthathelwa ingqalelo ngokukhawuleza.

UTetyana uthi kubuhlungu kuba usapho lutyelela isikhululo samapolisa saseMthatha yonke imihla libuza malunga netyala kodwa libuye nelize.

UBrigadier Tembinkosi Kinana udize ukuba umcuphi obekade ekweli tyala likaNamhla utshintshiwe, kubekwe omtsha ngoku umcuphi ophanda ngeli tyala.

IKumkani yabaThembu, uBuyelekhaya Dalindyebo, ethetha kuloo nginginya yabantu eMthatha, uthe naye uvela ejele ebhantintela izinja ezinje ngezi zikhangelwayo.

“Ukuba kuyangcwatywa kulo nkedama makungcwatywe nakulomhlukumezi. Ndidiniwe kukunqanda kwanokuthethelela. Amapolisa ukubangaba afuna ukusebenzisana nathi mawayekele kuthi luntu. Masiphele isimbo sokutatazelelwa kwamatyala abantu abamhlophe, awabantsundu engahoywa,” itshilo iKumkani yabaThembu.

Le kumkani ithe inika amapolisa iintsuku ezintathu kuphela ukuba abanjwe umrhanelwa, kungenjalo kuza kutshiswa ikhaya lomrhanelwa nenkukhu yakhe nakakade.