Makaxolelwe uKD Matanzima

Themba Matanzima

“Kutheni angade axolelwe uKD Matanzima nosapho lwakhe, urhulumente uze nenkqubo yoxolelwano, kwaxolelwa abantu nombutho weNationalist Party, urhulumente uhlala kwipalamente ekwaphalala kuyo igazi likaVerwoerd, uya kumxolela nini uKD Matanzima?”

Oku kuthethwe nguNkosi uThemba Templeton Matanzima ngethuba esenza amazwi ombulelo kumngcwabo kaNozuko Matanzima eGwatyu.

Lo mama yinkosikazi yesithathu kaKD Matanzima owasungula iphandle laseTranskei ngo1976, elathi labhanga emva kokungena korhulumente wesininzi ngo1994.

UThemba Matanzima uthi izenzo zalo rhulumente zibonisa ukuba akakaxolelwa uKD Matanzima nangona urhulumente weli wathi wangena kwikomishini yenyaniso noxolelwaniso.

“Le nto yenza ukuba sibe nemibuzo ukuba uxolelwano yinto enjani, kuba sibona amagama ezikolo namanye amaziko ebethiywe ngegama lakhe ecinywa, okanye kungekho nto ithiywa ngaye kolu lawulo lutsha, uxolelwa nini uKD Matanzima?” uthethe watsho uMatanzima.

Umemelela ukuba ahlonitshwe uKD Matanzima njengezinye iinkokheli zangaphambili eMzantsi Afrika.

“Isikolo iMatanzima eCala sajikwa igama sabizwa ngegama likaBathandwa Ndondo, xa ebexolelwe ngezingenzeki ezi zinto,” uye watsho.

Ngenyanga yeSilimela kulo nyaka, owayesakuba ligosa eliphezulu kurhulumente waseTranskei phantsi kolawulo lukaKD Matanzima, uPeter Madasa wakungqinela oku.

“Abantu abaphetheyo ngoku mabakhe ezabo izinto bazithiye ngamaqhawe abo bohlukane nokucima ezi bezakhiwe sithi ngorhulumente waseTranskei,” watsho uMadasa. UThemba Matanzima uthi ezabelungu izakhiwo nezikolo azikatshintshwa. “Zininzi izinto ezingatshintshwanga apha ebezimiswe ngooVerwoerd, kutshintshwa ezi zika-KD zodwa, ziyekelwe ntoni zingatshintshwa ezi bezimiswe ngabelungu izinto,” ugadlele watsho uMatanzima.

Uthi igama elithi Transkei ligama elingenatyala natyheneba kuba lichaza nje indawo emi kuyo le ngingqi.

“Kutheni kufuneka soyike ukubiza igama elithi Transkei, ligama elingena nto eli, lithetha nje indawo esihleli kuyo,” utsho uMatanzima.

Urhulumente wentando yesininzi umisele inkqubo yokuguqulwa kwamagama akudala kufakwa amagama amatsha ahambelana neli xesha. Nangona kunjalo, asemaninzi amagama ezitalato abiza uHertzog, Louis Botha noVerwoard kweli loMzantsi Afrika.

UMlawu Tyatyeka obesakuba ligosa elilawulayo kwiPANSALB eMpuma Koloni nakwikomiti ejongene nokutshintshwa kwamagama, uthethe wathi malunga noku.

“Unyanisile umhlekazi ukuba sixolela lula kubelungu, sithatha ixesha elide ukuxolelana sodwa. Kulo mcimbi wamagama la mthetho ulawula la nkqubo ukhuthaza ukususwa amagama anyembayo okanye asondele kucalulo lwabantu, saxakwa kukujika iGrahamstown neSomerset East kuba abelungu balwa ngala magama besebenzisa umthetho, awakajikwa nangoku,” uthethe watsho uTyatyeka.