Malema: Abelungu bacinga ukuba singoozincinci

Inkokheli yeEFF uJulius Malema kwimvulamazwi yakhe kwinkomfa yeEFF eNasrec UMFANEKISO: FACEBOOK/ EFF

INKOKELI yeEFF uJulius Malema uthi igama elithi “ukuxolela” yinto yabantu abamnyama, watsho ekhwela ezehlela kwabamhlophe esithi bacinga ukuba abantu abamnyama abanawo umthamo wokuba krelekrele okanye bangoozincinci ngokwentetho evamileyo xa kubhekiswa kumba onje.


“Ngenxa yombala wesikhumba sethu, abelungu bacinga ukuba ngokwendalo singoozincinci. Bacinga ukuba ngokwendalo asinakukwazi ukucinga njengabo.

“Bavuyela ukuhlala nathi kuphela xa siza kuqhubeka singalingani. EMzantsi Afrika, abantu abamhlophe bacinga ukuba basenzela inyoba ngokusicinezela. Bacinga ukuba ukusicinezela yayiyinto elungileyo,” utshilo uMalema kwingxelo yakhe yepolitiki yokuvula ngokusesikweni inkomfa kazwelonke yalo mbutho ebanjelwe eNasrec.

Le nkomfa, nekulindeleke ukuba iphume nesikhokelo esitsha, iza kuqhuba de kube ngoMvulo.

UMalema uthi ngethuba kungenwa kunyulo lwentando yesininzi ngo1994, abelungu batya tyum ngoxolelwaniso emva kweminyaka yokubulawa kwabantsundu ngethuba lenkqubo yengcinezelo.

“Xa uyiqwalasela kakuhle le nto, ngonyaka ka1994 abelungu basinika nje ithuba lokukhokela. Soze uve abelungu bethetha ngoxolelo, kuba bacinga ukuba leyo yinto yabantu abamnyama. Abelungu bacinga ukuba inkqubo yengcinezelo yayiyinto yokunceda abantu abamnyama,” utshilo uMalema.