Mantashe: Sanukukhetha iidonki kwiinkomfa

USihlalo weANC kuzwelonke uGwede Mantashe apho bekubhiyozelwa iminyaka elikhulu elinesibhozo yasekwayo iANCUmfanekiso: BHEKI RADEBE

USihlalo weANC kuzwelonke uGwede Mantashe, okwanguMphathiswa weziMbiwa nezaMandla, ukhuthaze amalungu eANC ukuba aqinisekise ngokukhetha iinkokheli ezinomxakatho wokwenza umsebenzi hayi “iidonki”.

Ebethetha eQumrha kwimpelaveki esiyishiya ngasemva apho iANC yephondo ibibambele khona imibhiyozo yeminyaka elikhulu elinesibhozo yasekwayo.

UMantashe uthi luxanduva lwamalungu eANC ukuba aqaphele xa ekhetha iinkokheli zeANC ezifaka kwizikhundla zolawulo.

“Ngamanye amagama xa sikukhetha kufuneka sikujonge ukuba ugqibelele kusini na. Ingaba uza kukwazi ukuthwala uxanduva onikwa lona ngamalungu eANC. Okwesibini sijonge ukuba uyikhonze kangakanani na inkqubo yombutho. Xa ke ungagqibelelanga futhi ungakhonzanga zinkqubo zombutho, kufuneka ungakhethwa.

“Yiyo le nto xa nisiya kwiinkomfa, kufuneka nixoxe banzi ngeenkokheli ukuze nikhethe abantu ngokomxakatho wabo wokwenza umsebenzi ngendlela efanelekileyo,” kutsho uMantashe.

Lo kaMantashe ufanise iinkokheli zeANC ezingakulungelanga ukukhokela njengeedonki.

“Ngenxa yento yokuba sahlaselwa zizigqubu zepolitiki (factions), sibopha nokuba yidonki (inkokheli) ukuba ikwisigqubu sepolitiki esithandwa nguwe. Idonki ke ayisoze ibaleke njengehashe. Idonki imfutshane futhi iyonqena. Ukuba ubophe idonki, uza kusokola.

“Masikhethe iinkokheli ezinomxakatho wokwenza umsebenzi, sixoxe ngaloo nkokheli ngokwesakhono enaso. Inkokheli enesakhono ibaneliso lokujonga izakhono. Into engafunekiyo yile yokuqasha abantu ngenxa yokuba bebeye kwiinkomfa, abe lo mntu engayanga kakuhle esikolweni, okwesibini abe engenazo iimfuno ezifunwa emsebenzini kodwa ngenxa yokuba siyamthanda simqashe.

“Kodwa xa uphanda kakuhle kufumaniseke ukuba lo mntu akaqashelwanga ukukhonza uluntu, uqashelwe ukwaba izitya zorhwaphilizo. Kufuneka sizijike ezonto,” utshilo uMantashe.

UMantashe ukwathethe ngenkonzo yezophapho yeli, iSouth African Airways. Le nkonzo ithathe isigqibo sokunqumamisa imizila yayo eThekwini, eBhayi naseMonti ngenxa yeembandezelo zezimali. UMantashe, ethetha ngokwesiqu hayi ngokukarhulumente, uthi kudala urhulumente “egalela” imali kwiSAA. Uthi ngoku kwanele.

“Ukuba iSAA ayikwazi ukwenza imali mayivalwe qha, inikwe umntu oza kukwazi ukuyilawula, ayithathe asikhwelise.”

sithandiwe.velaphi@inl.co.za