Masenze eyethu iminyhadala

Ufike wagqitha ngokukhawuleza uMnyhadala wezobuGcisa kaZwelonke walo nyaka, eRhini. Zixubile izimvo zoluntu ngalo mcimbi wodumo.

Imbali yawo ithi ubukade ubangela ithemba, uvuyo, ulonwabo nethuba lokufumana ulwazi olutsha kubabhali, iimvumi, abadlali beqonga nabezoshishino ngokubanzi.

Oku ungakubona ngokuqwalasela amaqonga ahlukileyo, ixesha elinikwa imidlalo ebhalwe ngabantu bolwimi lesiXhosa, iingoma zesiNtu kwanemiboniso yasesidlangalaleni ebonisa umsebenzi wabantu abamnyama okanye abathetha iilwimi zeli.

Abaququzeleli balo mnyhadala bathathe into ekudala iqhubeka eyasungulwa ngokusekelezelwe kwimeko yenkcubeko yaseNtshona. Ngoko ukubasola ngendlela abathi baphathe ngayo umsebenzi oveliswe kweli asibobulumko, koko kufuneka abantu beli bafunde ukuziqalela ezabo izinto, umnyhadala wabo apho kuzakuza abantu bezinye izizwe bezekucela indawo yokubeka umsebenzi wabo.

Kwincoko yethu nomnye wabo bakhe babonakalisa umsebenzi wabo kulo mnyhadala usixelele ukuba akukhange kubelula kuye ukufaka umsebenzi wakhe kulo nyaka ngenxa yendlela elandelwayo xa kufakwa umsebenzi.

Usixelele ukuba asikuko ukuba ayinakulifumana ithuba imisebenzi yabo, koko kukho umlinganiselo othile wenani lemveliso zesiXhosa okanye ezesiNtu. Kukwanjalo nakwixesha abalinikwayo xa bethe baqabela eqongeni, kukho umlinganiselo owenza kubenzima ukunaba ngokwaneleyo.

Omnye wabathengisi abaneminyaka elishumi ethengisa kulo mnyadala uthe kube yilahleko kulo nyaka ukuya kwakhe kulo mnyhadala. EMzantsi Afrika nakwihlabathi ngokubanzi iminyadala efana nale isoloko isekelezelwe kwizimvo zaseNtshona. Makusungulwe iminyhadala ezakuthi isekelezelwe kwiinkolo, iimbono nezimvo zabantu bakweli. Xa uqwalasela ubutyebi esinabo kwinkcubeko yethu owethu umnyhadala ungathatha unyaka wonke kuba sinayo yonke into.

UBonginkosi Tshabalala obhale umdlalo weqonga othi “Nomalizo – The Brave” uthe kudala ethatha inxaxheba ngemidlalo yakhe kulo mnyhadala ngenxa yokuba awukho umnyhadala ololuhlobo oqhubekayo kwiphondo lokuzalwa kwakhe (KwaZulu Natal).

Iqela lomculo wesiNtu elisuka eChris Hani linyanzelise ukuya eRhini kulo mnyhadala nangona belingeyiyo inxalenye yenkqubo. Sakuhlala sizifaka okanye ingaba na sikulungele ukuziqalela ezethu izinto ngoku?