Masibakhulisele phi na abantwana?

Ukuba bekunokwenzeka, abantwana ngebekhuliselwa eziswini koonina. Kunzima ukukhulisa abantwana kule mihla, kuneentshaba!

Bakhula oku kwamantshontsho enkukhu wona ahlala enqatyiswa kukhetsha. Isingathi kungcono kwa-amantshontsho enkukhu kunaba bantwana, kuba wona abaleka azimele akukhalima unina ebika ingozi.

Abantwana bethu aboyiki nto, endaweni yokoyika baziphosa kanye emlilweni! Abantwana bam besende bathathu kuphela, kodwa abedolo bangaphaya. Ndikhulise abantwana bedolo kuqala, ibathu elivisayo.

Akubanga nzima ngelo xesha, kuba nelizwe belisakhetheka. Aba ndibakhulisa ngoku abandixakanga suka! Ukuba bekunokwenzeka ngendibabuyisela kwasesizalweni esabakhawulayo; phi ke ukubakho oko!

Abantwana banamhlanje uthi ubafundisa babe bezixelela ukuba baza kuzifundela kwababo ootishala basezindle. Bathembe iimfundiso zasesitalatweni ngaphezu kwezasekhaya.

Okuyingxaki enkulu ke kukuba isitalato abafunda kuso sifana kwanabo ngobumuncu. Abantwana nesitalato zizidenge ezidla ubulongwe, umfundi nomfundisi wakhe badibene ngobumuncu! Kukuthini ukufunda emntwini omuncu kwanjengawe?

Ndakuva zwindini! Ngababhinqileyo ke abantwana kuse kuthi manditsho esomfazi; akwaba bendinako! Umntwana oyintombazana usengozini ngokuphindwe ngamashumi asixhenxe aphindwe kasixhenxe!

Ukuba abazunywanga ngamadoda angazimasekileyo bayahendwa ukuba bazingenele kulowo mkhuba. Umntwana athi efikisa abe sele ezibhakaxa kumadoda amadala angazimasekileyo ukuba amndinde amtyeneneshe amvukuze!

Sasikhule sikoyika nje thina ukona umntwana womntu, abanamhlanje abafana bafuna boniwe ngabo. Uve isibhanxa somfana sisithi “uqhaqhwe ndim laa mntwana.” Rha-a-a! Yayaphi imbeko nokuxabisa ubuntombi kubafana banamhlanje?

Okuyintlungu nangakumbi ke ebantwaneni abangamantombazana kukuba abayiboni le ngozi, xa kufikwa koontanga babo abangamakhwenkwe bayazifunela kuwo apha, kukhokela bona.

Umntwana oyintombaza ukhula msinya, afikise iintanga zakhe ezingamakhwenkwe zingekafikisi. Akufikisa kuqala ke andlandlathekise lo ungekafikisi uyinkwenkwe. Xa engalahlekiswanga yitshomi yakhe endala kunaye iba nguye okhokela abamzayo.

Ukuba unganethamsanqa lokuzibhaqa iingcinga zabo ungaphoxeka ufe. Abananto bayoyikayo, abazoyikiseli, uxakwe ukuba bazi ntoni sele beza kuba nesibindi esingaka. Ukuba ungeva izinto abazithethayo ngemilomo yabo ungabaleka uzifihle.

Ndiyibalula ngokugqithileyo ihambonzima yokukhulisa umntwana oyintombazana. Eneentshaba ezingamadoda amadala nje ukwalutshaba kwakuye apha.

Kwiintombi esele zikhulile ndiva ukuba kukho nomkhwa wokuba zingalindi kuthethiswa ngamakhwenkwe, koko zizibike ngokwazo.

Kukwanjalo ke naxa befuna kuyiwe kwandawo, bayazitsholo abacelwa. Zizimanga ke ezo kuthi bakudala, kuba thina sazi intombi ingumntu wexabiso elikhulu ukuba ingazonyelisa ngokuzithethela esokeni. Akusenjalo ke, ezi zanamhlanje ayisezizo ezo zexabiso.

Andazi aba bancinci baziva phi na ke bona ezi nto zokukhokela koogxa babo. Ingaba zincokolwa besiva, okanye bazibukela ethivini nakumanye amaqonga ezonxibelelwano, okanye ziyazifikela engqondweni?

Andazi! Endikwaziyo kukuba ndihluphekile koko ndikubonayo. Ndisebenza ngabantwana kubomi bam basekuhlaleni. Ndazala nangedolo nje kungenxa yokuthanda abantwana. Oku ndikuthethayo ke ngoko andikukhi nje emoyeni, ndithetha ngamava.

Esele ndikubonile kundenza ndizonde imihla abakhawulwa ngayo abantwana. Abangamakhwenkwe ukuba abangenanga ezindywaleni batshaya iziyobisi; phofu ke naba bangamantombaza sele benxila baqhunywe okwabo.

Athi umntwana emncinci ungazi ukuba uyicinge ngaliphi na ithuba into yokuqala ukutshaya, kunjalo nje umbhaqe sele etshaya eliya likhulu icuba neziyobisi.

Umntu omdala akekho ngaphandle ke kuyo yonke le ngozi akuyo umntwana wanamhlanje. Yonke le mikhuba ifundwa ngokubonela nokuva kwabadala; litshiwo ndim.

Kazi masibakhulisele phi na ke abantwana! Ndisuka ndiphelelwe kukucinga nakukwazi.