Masibuyel’ eMbo, ahlab’ ikhwelo amagqirha

Lulama Mphilisi Mpahla

“Eli lixesha elibonisa ukuba ngoku makubuyelwe emandulo sijonge ukuba ookhokho bethu babesenza njani na ukuze izinto zilunge.” Lowo nguLulama Mpahla nowaziwa ngelikaMphilisi.

UMpahla ligqirha kwaye ukwahlalutya namaphupha kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa.

“Izinto ezenzekayo elizweni nje liphela ziyachaza ukuba ukhona undonakele,” utshilo uMpahla xa kanye imbumba yamagqirha iThongo Institute of Traditional Healing, ibambisene neEastern Cape Traditional Health Practitioners Forum iza kubamba indibano yonqulo ngoMgqibelo phezu kolwandle iCove Rock kwaGompo.

UMpahla uthi bathe xa besenza uphendlo bengabantu abathanda imveli bafumanisa ukuba ngoku uluntu luthathe kakhulu indlela yasentshona, laphulukana neyesiNtu.

“Sithe xa sijonga singabanyangi bemveli sabona ukuba ikhona ingqumbo ekhoyo kwizinyanya. Oku kubonisa ngezinga eliphezulu lezehlo ezimbi ezenzekayo zokubulawa koomama nabantwana, ukudlwengulwa kwabo, ukujikelana kwabantu bebala elinye kuquka nembalela egqubayo kweli lizwe nento ekhunyushwayo ebizwa Global Warming (ubushushu obungaqhelekanga). Xa sikhangela sifumanisile ukuba sithi thina bantu bantsundu silahle amasiko nezithethe zethu nto leyo iye yadala ingqumbo kubantu abalele ukuthula,” utshilo uMpahla.

Uthi beyile mbumba bahlale phantsi bajonga ukuba xa imeko inje ingaba ngaphambili kwakusenziwa njani na xa kwakungxengxezwa.

Uthi imbali ithi kwakuye kuyiwe ezintabeni okanye kwindawo enamanzi kucengwe le mimoya khon’ukuze kuzolunga izinto.

Uthi nangona nje sele kuneminyaka emininzi ingasenzeki into yokuba kuyothandazwa kunqulwe. Ngokwembali, le ndawo kuza kubanjelwa kuyo lo mthandazo yayiyindawo enembali etyebileyo ngokwemimoya apho abaprofeti namagqirha amakhulu ayeyisebenzisa mandulo xa ecela okuhle kwaye enqula.

Abo baprofeti bafana nooNxele kaMakhanda, Ntsikana kwakunye nabanye abaprofeti. Uninzi lulindelekile kulo mthandazo nanjengoko wonke othanda inkolo yemveli elindelekile.

Umasipala ombaxa iBCM sele efake isandla kolu nqulo, iinkosi zaseBCM zimenyiwe nazo. Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni nayo imenyiwe kolu nqulo.

UMpahla uthi olu nqulo aluzokuphelela apha eMonti kuphela, luza kuqhubekeka nakwezinye iidolophu.