Masihleke noManono

Andikhathazekeee yhu!! Kodwa le genge yee-90s ifanele ukunikwa uphuma phele ezicaweni maan, iyasiphazamisa thina genge yee-70s neyee-80s yazi!

Ndinomsindo maan la genge isena la “that thing” nangoku ngo2017 ayiphelelwa tu! Yasoloko ihoyeka naphi na apho ihamba khona, ide ihoyeke nasezicaweni xa kukho umfundisi omtsha yazi.

UMaNgcobo ebendimeme ecaweni yakhe kuba bekusamkelwa umfundisi omtsha, sana ndaqonda ukuba yhaaa nali ithuba lam lokuzigqamisa kwakukudala kakade ndifuna ukutshata nomfundisi yhaaa.

Hay’ke yeka ke mtakaDaps ndiyithathela phezulu ngamandl’egeza yonke le nto yesisimemo sale cawe, ndilibala nokuba ndimenyelwe icawe, andimenyelwanga kuyokubukwa heee! ndas’ke ndazixaka nam andazazi yeva?

Hay’ke mntase ndim ke lowo ndiyoku hayarisha ilokhwe engathi ndiya kwiMatric Dance ka1970?

Ndaqasha ne make-up artist sana, bendingayifuni le inguMaNgcobo, kaloku uMaNgcobo ngulo owakhe wandenza imake-up eyasuswa ngaMaGaba nemihlakulo, ngoku besele ndingasafuni kwanto ezakundidibanisa nesandla sakhe mtakaGwede, phofu yonke le nto ndiyenze ngemali yemboleko koomatshonisa. Heee! bethuna kanti bendisiya ecaweni okanye emtshatweni?

Hayi besendizixake kwamna ngoku. Hay’ke bendizotyiwe ke sana ubuso, ndajijwa neenwele, umzimba ibingathi ucuthwe ngeebhospeliti heee! bendingasemhle maan ibingathi ndiyokungenela oonobuhle epotsoyini ka1972 vha?

Hay’ke sana yandithatha imoto yeSomalia elinezinxonxo nezigweqe, yandibeka ngqo emnyango eGrace Bible Church heheee!

Ndingene ingathi ndinyathela iStep somtshato esindisa eqongeni kumyeni wam, kunani phofu ukuba ndihoyeke? Andiyazi maan Phiwe ukuba bendiyibhude phi yonke le nto, yazi ndisacaphuka nanamhlanje!

Iwesi ukuba bendigqenge-gqenge ke wethu yimibala, abe amehlo wabafana ekule genge yee-90s ibisuke yantle yanala “that thing” mna ndangathi ndikwi matric dance ka1960 (elele enyukelwe lixamba)